UMATEYU 24:23-51
UMATEYU 24:23-51 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo. Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; àzazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu. Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe. Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo, imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
UMATEYU 24:23-51 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo. Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki. “Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga. “Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.” “Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu. Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.” “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.” “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni, bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe. “Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu. Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe. Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.” “Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo. Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo. Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila; yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”
UMATEYU 24:23-51 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya; musani ukukholwa yiyo. Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga; ngokokude, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Musani ukuphuma; nanko emagumbini afihlakeleyo; musani ukukholwa yiyo. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga; koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza esemafini ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. Azithumele izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kuse kwesinye isiphelo samazulu. Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla yangaphambi konogumbe, babesidla, besela, bazeke, besendiswe, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, kwaye abazange baqonde wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke; koba njalo nokufika koNyana woMntu. Ngelo xesha ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. Ukuba ke loo mkhonzi ungendawo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; Aqale ukubabetha abakhonza kunye naye, adle, asele namanxila; iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini engayilindeleyo, nangelixa angalaziyo; imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
UMATEYU 24:23-51 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zeniti oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso emikulu nemimangaliso, ukuze bati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. Bona ke, ndinixelele ngapambili. Ngako ukuba batsho kuni ukuti: Nanku esentlango; ningapumi ke: nokuba bati: Nanku ezinkambilini; ningakolwa ke. Ngokuba, kwa njengokuba ukubaneka kuvela empumalanga, kukanye kude kube sentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba apo sisukuba sikona isidumbu, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga. Kwohla kuti ke emveni kwembandezelo yemihla leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa: kwandul’ ukubonakala umqondiso wonyana wesintu ezulwini; zandul’ ukwenza isijwili zonke izizwe zomhlaba, zibone nokubona unyana wesintu, esiza emafini ezulu, enamandla nobungcwalisa obukulu. Waeya kutuma ingelosi zake nentlokoma enkulu yexilongo, eziya kubutela ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwenye incam yezulu kude kube kwenye incam yalo. Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona zonke ezizinto, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule Isizukulwana esi, zonke ezizinto zingekenzekanga. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi nengelosi zezulu; NGUBAWO yedwa owaziyo kupela. Kodwa njengokuba ibinjalo imihla ka‐Nowa, kwoba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba, kwa njengokuba bebesiti emihleni ungekabiko umsingakazi, badla basela nokusela, bazeka bendisa nokwendisa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, bengaqondanga ke kwada kweza umsingakazi wabakukulisa kwa bonke, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. Oko amadoda amabini obako entsimini; iti enye itatyatwe, iti enye ishiywe. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; ati omnye atatyatwe, ati omnye ashiywe. Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi yiyipina iyure INKOSI yenu iza ngayo. Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi lilipina ivaṙasho isela liza ngalo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake. Ngako oko nani yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza. Ngubanina ke esosicaka sinyanisekileyo nesilumkileyo, eyati inkosi yaso yasimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba sibanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo. Ngokwenene nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo. Kodwa xeshekweni esosicaka esikohlakeleyo siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza; size siqale ukubeta abazizicaka naso, nokutya nokusela kunye nabanxilayo; yofika inkosi yesicaka eso ngemini esingayikangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo, isisike kubini, imise isabiwo saso kunye nabahanahanisi: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.