Ivangeli ka‐Mateyu 24:23-51

Ivangeli ka‐Mateyu 24:23-51 XHO1902A

Zeniti oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso emikulu nemimangaliso, ukuze bati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. Bona ke, ndinixelele ngapambili. Ngako ukuba batsho kuni ukuti: Nanku esentlango; ningapumi ke: nokuba bati: Nanku ezinkambilini; ningakolwa ke. Ngokuba, kwa njengokuba ukubaneka kuvela empumalanga, kukanye kude kube sentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba apo sisukuba sikona isidumbu, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga. Kwohla kuti ke emveni kwembandezelo yemihla leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa: kwandul’ ukubonakala umqondiso wonyana wesintu ezulwini; zandul’ ukwenza isijwili zonke izizwe zomhlaba, zibone nokubona unyana wesintu, esiza emafini ezulu, enamandla nobungcwalisa obukulu. Waeya kutuma ingelosi zake nentlokoma enkulu yexilongo, eziya kubutela ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwenye incam yezulu kude kube kwenye incam yalo. Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona zonke ezizinto, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule Isizukulwana esi, zonke ezizinto zingekenzekanga. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi nengelosi zezulu; NGUBAWO yedwa owaziyo kupela. Kodwa njengokuba ibinjalo imihla ka‐Nowa, kwoba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba, kwa njengokuba bebesiti emihleni ungekabiko umsingakazi, badla basela nokusela, bazeka bendisa nokwendisa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, bengaqondanga ke kwada kweza umsingakazi wabakukulisa kwa bonke, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. Oko amadoda amabini obako entsimini; iti enye itatyatwe, iti enye ishiywe. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; ati omnye atatyatwe, ati omnye ashiywe. Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi yiyipina iyure INKOSI yenu iza ngayo. Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi lilipina ivaṙasho isela liza ngalo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake. Ngako oko nani yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza. Ngubanina ke esosicaka sinyanisekileyo nesilumkileyo, eyati inkosi yaso yasimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba sibanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo. Ngokwenene nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo. Kodwa xeshekweni esosicaka esikohlakeleyo siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza; size siqale ukubeta abazizicaka naso, nokutya nokusela kunye nabanxilayo; yofika inkosi yesicaka eso ngemini esingayikangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo, isisike kubini, imise isabiwo saso kunye nabahanahanisi: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.