“Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo. Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki.
“Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
“Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”
“Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu. Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.”
“Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
“Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni, bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe.
“Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu. Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe. Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”
“Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo. Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo. Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila; yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”