Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya; musani ukukholwa yiyo. Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga; ngokokude, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Musani ukuphuma; nanko emagumbini afihlakeleyo; musani ukukholwa yiyo. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga; koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza esemafini ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. Azithumele izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kuse kwesinye isiphelo samazulu. Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla yangaphambi konogumbe, babesidla, besela, bazeke, besendiswe, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, kwaye abazange baqonde wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke; koba njalo nokufika koNyana woMntu. Ngelo xesha ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. Ukuba ke loo mkhonzi ungendawo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; Aqale ukubabetha abakhonza kunye naye, adle, asele namanxila; iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini engayilindeleyo, nangelixa angalaziyo; imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.