UMATEYU 24:1-28
UMATEYU 24:1-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli? Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,• balahlekise into eninzi. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela. Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,• ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe), ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni. Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha. Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa. Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
UMATEYU 24:1-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa uYesu wayephuma *endlwini kaThixo bafika abafundi bakhe, bambonisa isakhiwo sendlu leyo. Waphendula wathi kubo: “Niyazibona zonke ezi zinto? Ndithi kuni, inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.” Kwathi, xa uYesu wayehleli phantsi eNtabeni yemiNquma, beza kuye bebodwa abafundi, bathi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuza kwazo nowokupheliswa kweli phakade?” Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani, kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu. Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku. “Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi. Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi. Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa. Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.” “Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. Hayi ke kwabanzima nabadlezane ngaloo mihla! Thandazelani ukuba ukubaleka kwenu kungabi sebusika okanye *ngoMhla woPhumlo, kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwehlabathi kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. Ke ukuba uThixo ebengayicuthanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa ngenxa yâbo banyuliweyo, uThixo woyicutha loo mihla. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo. Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki. “Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga. “Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”
UMATEYU 24:1-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. Wathi kubo uYesu, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli? Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, bangcatshane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela. Xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekuthethwe ngalo ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (lowo ulesayo makaqiqe); Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni; Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika nangesabatha. Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa. Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya; musani ukukholwa yiyo. Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga; ngokokude, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Musani ukuphuma; nanko emagumbini afihlakeleyo; musani ukukholwa yiyo. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga; koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
UMATEYU 24:1-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU epumile nje u‐Yesu, ebemka etempileni: baza abadisipile bake beza kuye ukuba bambonise izakiwo zetempile. Wayesiti u‐Yesu kubo: Aniziboni na zonke ezizinto? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kushiywa apa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi. Kekaloku nxa abehleli pezu kwentaba yeminquma, beza kuye abadisipile ngasese, besiti: Sixelele, zobako ninina ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso wokufika kwako, nowokugqityelwa kwelizwe elikoyo? Waza wapendula u‐Yesu wati kubo. Lumkani, ize ningalahlekiswa mntu. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye u‐Kristu; baze balahlekise abaninzi. Naniya kuba nisiva imfazwe, namaṙe emfazwe: lumkani, ize ningabi navuso; ngokuba zonke ezizinto zifanele ukuhla; kodwa ukupela akukabiko. Ngokuba uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; zaziya kubako indlala, nezifo ezibubisayo, nezingcangcazelo zomhlaba ngendawo ngendawo. Zonke ezizinto ke zisisiqalo senimba. Oko niya kunikelwa ekubandezelweni, nibulawe nokubulawa; naniya kutiywa zintlanga zonke ngenxa yegama lam. Kanjalo oko baya kuxakaniswa abaninzi, bangcatshane, batiyane. Baye abaprofite ababuxoki abaninzi beya kuvuka, balahlekise abantu abaninzi. Kuze kuti ngenxa yokwandiswa kwokungalungileyo, kupole utando lwabaninzi. Kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa, yaiya kuti levangeli yobukumkani ishunyayelwe kulo lonke ilizwe, ibe sisinqi̔no kuzo zonke intlanga; kwandul’ ukufika ukupela oko ke. Ngako xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi endaweni engcwele; (oleseshayo makaqonde;) mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni: lowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya kususa into endlwini yake; nalowo usentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo zake. Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika, nangemini yesabata: ngokuba kuya kubako oko imbandezelo enkulu, ekungabangako enjalo kwa sekuqalekeni kwelizwe kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo. Kanjako ukuba ibingancitshiswanga imihla leyo, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa imihla leyo iya kuncitshiswa. Zeniti oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso emikulu nemimangaliso, ukuze bati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. Bona ke, ndinixelele ngapambili. Ngako ukuba batsho kuni ukuti: Nanku esentlango; ningapumi ke: nokuba bati: Nanku ezinkambilini; ningakolwa ke. Ngokuba, kwa njengokuba ukubaneka kuvela empumalanga, kukanye kude kube sentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba apo sisukuba sikona isidumbu, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga.