Xa uYesu wayephuma *endlwini kaThixo bafika abafundi bakhe, bambonisa isakhiwo sendlu leyo. Waphendula wathi kubo: “Niyazibona zonke ezi zinto? Ndithi kuni, inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”
Kwathi, xa uYesu wayehleli phantsi eNtabeni yemiNquma, beza kuye bebodwa abafundi, bathi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuza kwazo nowokupheliswa kweli phakade?”
Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani, kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu. Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku.
“Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi. Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi. Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa. Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”
“Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. Hayi ke kwabanzima nabadlezane ngaloo mihla! Thandazelani ukuba ukubaleka kwenu kungabi sebusika okanye *ngoMhla woPhumlo, kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwehlabathi kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. Ke ukuba uThixo ebengayicuthanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa ngenxa yâbo banyuliweyo, uThixo woyicutha loo mihla.
“Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo. Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki.
“Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
“Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”