Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,• balahlekise into eninzi. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.
Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,• ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe), ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni. Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha. Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.
Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.