UMATEYU 13:53-58
UMATEYU 13:53-58 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? Noodade bakhe àbakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo. Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.
UMATEYU 13:53-58 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho. Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona? Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda? Noodade wabo àbahlali apha bonke na? Ngaba lo mntu uzifumene phi zonke ezi zinto?” Ngenxa yale nto ke bambukula. Waza uYesu wathi kubo: “Kakade umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukwelakowabo kuphela, ekhayeni lakhe, apho angayifumani khona.” Ngenxa yokungakholwa kwabo akenzanga mimangaliso mininzi apho.
UMATEYU 13:53-58 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akabizwa ngokuba nguMariya na? Abazalwana bakhe bathi, ooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? Noodade wabo abakho nathi bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakokwabo. Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho ngenxa yokungakholwa kwabo.
UMATEYU 13:53-58 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute, xeshekweni abeyigqibile u‐Yesu lemizekeliso, wesuka kona. Waza wati akufika ezweni lakowabo, wabafundisa endlwini yentlanganiso yabo, bada bamangaliswa bati: Uzuze pina lo obubulumko nezizenzo zamandla? lo asi nguye unyana wencibi yemiti na? unina asi ngo‐kutiwa ngu‐Mariya na? nabazalwana bake asi ngabo o‐Yakobi, no‐Jose, no‐Simone, no‐Jude na? nodade bake abako na kuti bonke? uzuze pina pofu lo zonke ezizinto? Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko u‐Yesu wati kubo: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo ezweni lakowabo nasendlwini yake. Waza akenza zininzi izenzo zamandla kona apo, ngenxa yokungakolwa kwabo.