UMATEWU 13:53-58

UMATEWU 13:53-58 XHO96

Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho. Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona? Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda? Noodade wabo àbahlali apha bonke na? Ngaba lo mntu uzifumene phi zonke ezi zinto?” Ngenxa yale nto ke bambukula. Waza uYesu wathi kubo: “Kakade umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukwelakowabo kuphela, ekhayeni lakhe, apho angayifumani khona.” Ngenxa yokungakholwa kwabo akenzanga mimangaliso mininzi apho.