Ivangeli ka‐Mateyu 13:53-58

Ivangeli ka‐Mateyu 13:53-58 XHO1902A

Kwaye kute, xeshekweni abeyigqibile u‐Yesu lemizekeliso, wesuka kona. Waza wati akufika ezweni lakowabo, wabafundisa endlwini yentlanganiso yabo, bada bamangaliswa bati: Uzuze pina lo obubulumko nezizenzo zamandla? lo asi nguye unyana wencibi yemiti na? unina asi ngo‐kutiwa ngu‐Mariya na? nabazalwana bake asi ngabo o‐Yakobi, no‐Jose, no‐Simone, no‐Jude na? nodade bake abako na kuti bonke? uzuze pina pofu lo zonke ezizinto? Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko u‐Yesu wati kubo: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo ezweni lakowabo nasendlwini yake. Waza akenza zininzi izenzo zamandla kona apo, ngenxa yokungakolwa kwabo.