Ivangeli ka‐Mateyu 13

13
1KWA ngalomini wapuma u‐Yesu endlwini, wahlala pantsi ngaselwandle. 2Zaza zabutela kuye izihlwele ezininzi, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi: saye sonke isihlwele sibe simi elunxwemeni. 3Waza wateta kubo indawo ezininzi ngemizekeliso, esiti:
Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; 4nasekuhlwayeleni kwake, ezinye inkozo zawa ngasendleleni, zati intaka zeza zazidla. 5Zawa nezinye endaweni ebulwalwa, apo bezingenawo umhlaba omninzi; zaza zasezipuma kamsinya, ngokuba zingenabo ubunzulu bomhlaba: 6zati nxa ilanga belipumile, zatshiswa; nangokuba zingenangcambo, zabuna. 7Zawa nezinye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yazitshwencisa. 8Zawa nezinye emhlabeni olungileyo, zanika isiqa̔mo ke, olunye ngekulu, nolunye ngamashumi matandatu, nolunye ngamashumi matatu. 9Onendlebe zokuva, makeve.
10Beza ke abadisipile bati kuye: Kunganina ukuba utete nabo ngemizekeliso? 11Wapendula wati kubo: Kungokuba kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bezulu, kodwa akunikwanga bona abo. 12Ngokuba lowo usukuba enako, kuya kupiwa yena, waeya kwanezelelwa; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. 13Kungenxa yoku enditeta nabo ngemizekeliso; ukuba bebona nje bengaboni, nokuba besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. 14Kuze kuzalisekiswe kubo isiprofitesho sika‐Yisaya sokuti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe: 15ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. 16Kodwa nina anetamsanqa amehlo enu, ukuba ebona; nendlebe zenu, ukuba zisiva. 17Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Baninzi abaprofite nabantu abalungileyo ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
18Nina ngoko yivani umzekeliso womhlwayeli: 19Nxa sukuba umntu esiva ilizwi lobukumkani, engaqondi ke, uyeza okohlakeleyo, ahlute oko kuhlwayelweyo entliziyweni yake: nguye lo owayehlwayelwa ngasendleleni. 20Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo; 21koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe. 22Nowayehlwayelwa endaweni yemitolo, nguye lo oti ilizwi alive; kanti isitukutezi selilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. 23Nowayehlwayelwa emhlabeni olungileyo, nguye lo oti ilizwi alive, aliqonde; oti kanjalo axakate izixakato, enze omnye ngokulikulu, nomnye ngokungamashumi matandatu, nomnye ngokungamashumi matatu.
24Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yake; 25koko, nxa bekulala abantu, kweza utshaba lwake lwahlwayela izizani kwa pakati kwayo inqolowa, lwemka ke. 26Kwaza kwati, okuya besihlumile isitombo, savelisa isiqa̔mo, kwandul’ ukubonakala izizani nazo. 27Zaye zisiza izicaka zomninindlu zati kuye: Nkosi! akwahlwayela imbewu elungileyo na entsimini yako? izuze pina pofu izizani? 28Waza wati kuzo: Ngumntu olutshaba okwenzileyo oku. Zati izicaka kuye: Uze utande na ukuba siye sizibute? 29Wati: Hai; hleze niti, nakuzibuta izizani, niyidonyule kunye nazo inqolowa: 30ziyekeni zombini zimile ndawonye kude kuvunwe; nangexesha lokuvuna ndiya kuti kubavuni: Zibuteni tanci izizani, nibope zona ngezitungu zitshiswe; kodwa inqolowa yinlanganiseleni esiseleni sam.
31Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluhlwayela entsimini yake: 32eti okunene leyombewu ibe ncinane kuzo zonke imbewu; iti kodwa nxa imilileyo, ibe nkulu kayo imifuno, ibe ngumti, zide zize intaka zezulu, zihlale emasebeni awo.
33Omnye umzekeliso wawuteta kubo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke.
34Ezizinto zonke waziteta u‐Yesu ngemizekeliso kwizihlwele; wabengateti ke kuzo kungeko umzekeliso; 35ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Ndiya kuvula umlomo wam ngemizekeliso; ndiya kuxela izinto ezifihliweyo kwa sekumisweni kwelizwe.
36Wati akuba ezindulule izihlwele, wandula wangena u‐Yesu endlwini. Kekaloku beza kuye abadisipile bake, besiti: Sityilele umzekeliso wezizani zentsimi. 37Waza wapendula wati kubo: Ohlwayela imbewu elungileyo ungunyana wesintu; 38intsimi ililizwe; imbewu elungileyo, eyona ilusapo lwobukumkani; izizani zilusapo lwokohlakeleyo; 39utshaba olwazihlwayelayo lungu‐Satane; ukuvuna kukugqityelwa kwelizwe elikoyo; abavuni bazingelosi.
40Njengokuba ke zibutwa izizani, zitshiswe ngomlilo, kwoba njalo ekugqityelweni kwelilizwe likoyo: 41unyana wesintu wotuma ingelosi zake, eziya kubuta ebukumkanini bake zonke izixakanisi, nabo bakwenza okungalungileyo,
42zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. 43Oko abalungileyo baya kukanya njengelanga ebukumkanini boyise wabo. Onendlebe zokuva, makeve.
44Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nendyebo ifihlelwe entsimini, ati akuyifumana umntu, ayifihle, aze ngovuyo lwake aye atengise ngako konke anako, ayitenge leyontsimi.
45Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nomtengi efuna iperule ezintle; 46owati akuyifumana iperule inye exabiso likulu, waya watengisa ngako konke abenako, wayitenga.
47Kanjalo ubukumkani bezulu bufana notambo oluposiweyo elwandle, lwahlanganisa kwintlobo zonke; 48olwati lwakuzaliswa, balur̔olela pezu kwonxweme, baza behleli pantsi ke ezilungileyo bazibutela ezityeni, kodwa ezibolileyo bazilahla. 49Kwoba njalo ekugqityelweni kwelizwe elikoyo: ziya kupuma ingelosi, zahlule abakohlakeleyo kwa kubo abalungileyo, 50zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
51Wati u‐Yesu kubo: Niziqondile na zonke ezizinto? Bati kuye: Ewe, Nkosi! 52Waza wati kubo: Ngako oko bonke ababa̔li abafundiselwe ubukumkani bezulu bafana nomninindlu, owaku̔payo kwimbekelo yake into ezintsha nezindala.
53Kwaye kute, xeshekweni abeyigqibile u‐Yesu lemizekeliso, wesuka kona. 54Waza wati akufika ezweni lakowabo, wabafundisa endlwini yentlanganiso yabo, bada bamangaliswa bati: Uzuze pina lo obubulumko nezizenzo zamandla? 55lo asi nguye unyana wencibi yemiti na? unina asi ngo‐kutiwa ngu‐Mariya na? nabazalwana bake asi ngabo o‐Yakobi, no‐Jose, no‐Simone, no‐Jude na? 56nodade bake abako na kuti bonke? uzuze pina pofu lo zonke ezizinto? 57Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko u‐Yesu wati kubo: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo ezweni lakowabo nasendlwini yake. 58Waza akenza zininzi izenzo zamandla kona apo, ngenxa yokungakolwa kwabo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena