UMATEYU 10:24-42
UMATEYU 10:24-42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe. Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,• akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe? Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa. Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu. Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. Àbathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini. Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala. Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe. Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana. Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.

UMATEYU 10:24-42 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso. Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?” “Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa. Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze. Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni. Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!” “Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, nam ndothi ndimvume kuBawo osezulwini. Ke ondikhanyelayo ebantwini, nam ndiya kumkhanyela kuBawo osezulwini. ” “Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano. Ndize kuxabanisa unyana noyise, intombi nonina, umolokazana no ninazala. Iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe. “Othe wathanda uyise nokuba ngunina ngaphezu kwam, akandifanelanga; nothe wathanda unyana nokuba yintombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga. Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga. Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza. “Othe wanamkela nina, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Othe wamkela *umshumayeli ngokuba engumshumayeli, wofumana umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, wofumana umvuzo welungisa. Othe wapha nokuba mnye kwaba bancinane nekomityi le yamanzi, ngokuba engumfundi wam, inene ngekhe aphosane nomvuzo wakhe nakanjani na.”
UMATEYU 10:24-42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe. Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule, akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe? Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igqunyiweyo ingasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuthetheni ekukhanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kuxeleni phezu kwezindlu. Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? yaye akuyi kuwa namnye kuzo emhlabeni ngaphandle koYihlo. Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini. Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala. Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe. Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana. Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.
UMATEYU 10:24-42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Umdisipile akapezulu kumfundisi; nesicaka asipezulu kwinkosi yaso. Kwanele umdisipile ukuba abe njengomfundisi wake, nesicaka ukuba sibe njengenkosi yaso. Ukuba umninindlu bambizile ngo‐Belezebule, kwoba kangakananina ngakumbi ukubiza kwabo abendlu yake? Ize ningaboyiki ke: ngokuba kungeko nto egujungelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. Oko ndikutetayo kuni ebumnyameni, kuxeleni ekukanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kushumayeleni pezu kwentungo zezindlu. Kanjalo ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti umpefumlo abanamandla okuwubulala: niti kodwa ngakumbi noyike lowo unamandla okububisa kwa nompefumlo nomzimba esihogweni somlilo. Akutengiswa amahobohobo mabini ngedobulitye na? noko akuyi kuwa nalinye kuwo pezu kwomhlaba engazi UYIHLO. Kodwa nina, kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi nina. Ngako osukuba endivuma mna ebusweni babantu, nam ndiya kumvuma yena ebusweni BOBAWO osezulwini: kodwa osukuba endikanyela mna ebusweni babantu, nam ndiya kumkanyela yena ebusweni BOBAWO osezulwini. Ningabi ndeza ukutuma uxolo emhlabeni; andeza ukutuma uxolo, koko ndize ukutuma isiṙele. Ngokuba ndize ukubambanisa umntu noyise, nentombi nonina, nomolokazana nonina wendoda: ewe, intshaba zomntu zoba ngabendlu yake. Otandayo uyise umhlaumbi unina ngapezu kwam, akandifanele; notandayo unyana umhlaumbi intombi ngapezu kwam, akandifanele. Kanjalo lowo ungatabati ikuruse yake, alandele emva kwam, akandifanele. Ofumene ubomi bake, buya kumlahleka; nolahlekene nobomi bake ngenxa yam, wobufumana. Owamkela nina, uyandamkela mna; nowamkela mna, uyamamkela owanditumayo. Owamkela umprofite egameni lomprofite, uya kuwamkela umvuzo womprofite; nowamkela ilunga egameni lelunga, uya kuwamkela umvuzo welunga: nosukuba eseza omnye waba bancinane indebe yamanzi abandayo odwa egameni lomdisipile, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye.