Umdisipile akapezulu kumfundisi; nesicaka asipezulu kwinkosi yaso. Kwanele umdisipile ukuba abe njengomfundisi wake, nesicaka ukuba sibe njengenkosi yaso. Ukuba umninindlu bambizile ngo‐Belezebule, kwoba kangakananina ngakumbi ukubiza kwabo abendlu yake? Ize ningaboyiki ke: ngokuba kungeko nto egujungelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. Oko ndikutetayo kuni ebumnyameni, kuxeleni ekukanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kushumayeleni pezu kwentungo zezindlu. Kanjalo ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti umpefumlo abanamandla okuwubulala: niti kodwa ngakumbi noyike lowo unamandla okububisa kwa nompefumlo nomzimba esihogweni somlilo. Akutengiswa amahobohobo mabini ngedobulitye na? noko akuyi kuwa nalinye kuwo pezu kwomhlaba engazi UYIHLO. Kodwa nina, kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi nina. Ngako osukuba endivuma mna ebusweni babantu, nam ndiya kumvuma yena ebusweni BOBAWO osezulwini: kodwa osukuba endikanyela mna ebusweni babantu, nam ndiya kumkanyela yena ebusweni BOBAWO osezulwini.
Ningabi ndeza ukutuma uxolo emhlabeni; andeza ukutuma uxolo, koko ndize ukutuma isiṙele. Ngokuba ndize ukubambanisa umntu noyise, nentombi nonina, nomolokazana nonina wendoda: ewe, intshaba zomntu zoba ngabendlu yake. Otandayo uyise umhlaumbi unina ngapezu kwam, akandifanele; notandayo unyana umhlaumbi intombi ngapezu kwam, akandifanele. Kanjalo lowo ungatabati ikuruse yake, alandele emva kwam, akandifanele. Ofumene ubomi bake, buya kumlahleka; nolahlekene nobomi bake ngenxa yam, wobufumana.
Owamkela nina, uyandamkela mna; nowamkela mna, uyamamkela owanditumayo. Owamkela umprofite egameni lomprofite, uya kuwamkela umvuzo womprofite; nowamkela ilunga egameni lelunga, uya kuwamkela umvuzo welunga: nosukuba eseza omnye waba bancinane indebe yamanzi abandayo odwa egameni lomdisipile, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye.