Ivangeli ka‐Mateyu 10

10
1Waza wabiza abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, lokuba babaku̔pe, nelokupilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane.
2Kekaloku amagama abapostile abalishumi linababini ngawo la: Owokuqala, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake; 3u‐Filipi, no‐Batolomeyu; u‐Tomasi, no‐Mateyu umbuti weminikelo; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Lebeyu owatiywa elinye igama elingu‐Tadeyu; 4u‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo.
5Aba balishumi linababini wabatuma u‐Yesu, wabayalela, esiti: Ningemkeli endleleni yabaheyideni, nasesixekweni sama‐Samariya ningangeni; 6yiyani kodwa ngakumbi ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli. 7Niti ke ekuyeni kwenu nishumayele, nisiti: Ubukumkani bezulu sebukufupi. 8Pilisani abafayo, hlambululani amaleperi, vusani abafileyo, ku̔pani idemoni: namkele ngesisa, yipani ngesisa. 9Ningazizuzeli igolide, nesilivere, nobedu, zibe semibinqweni yenu; 10kwa nenxowa ibe yeyendlela, nengubo ezimbini, nezihlangu, nentonga; ngokuba umsebenzi efanele ukutya kwake.
11Kanjalo isixeko umhlaumbi umzi onisukuba ningena kuwo, buzani ofanelekileyo kuwo ungubanina; nize nihlale kona, nide nimke. 12Niti nakungena endlwini, niyibulise: 13ukuba ke ifanelekile indlu leyo, maluze uxolo lwenu pezu kwayo; ukuba kodwa ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kuni. 14Nosukuba enganamkeli nina, engaweva namazwi enu, niti nakupuma kulondlu umhlaumbi kwesosixeko, nivutulule utuli lwenyawo zenu. 15Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko.
16Bona ke, ndiyanituma njengezimvu pakati kwencu̔ka: yibani ngoko ninobulumko njengenyoka, nibe ningenabuqokolo njengamahobe. 17Kodwa lumkelani abantu: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, banibete ezindlwini zentlanganiso zabo; 18ewe, naniya kusiwa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo nakulaheyideni. 19Kodwa okuya baninikelayo, ningabi nasitukutezi sokuba noteta ngokunjanina umhlaumbi noteta nto nina; ngokuba niya kunikwa ngeloxeshana into eniya kuyiteta: 20ngokuba kungenini abatetayo, kungumoya woyihlo otetayo pakati kwenu. 21Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babatise: 22naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa. 23Koko xeshekweni banitshutshisayo kwesisixeko, sabelani kwesinye; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Anisayi kuba nigqibile izixeko zakwa‐Sirayeli ukuzihamba, engekafiki unyana wesintu.
24Umdisipile akapezulu kumfundisi; nesicaka asipezulu kwinkosi yaso. 25Kwanele umdisipile ukuba abe njengomfundisi wake, nesicaka ukuba sibe njengenkosi yaso. Ukuba umninindlu bambizile ngo‐Belezebule, kwoba kangakananina ngakumbi ukubiza kwabo abendlu yake? 26Ize ningaboyiki ke: ngokuba kungeko nto egujungelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. 27Oko ndikutetayo kuni ebumnyameni, kuxeleni ekukanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kushumayeleni pezu kwentungo zezindlu. 28Kanjalo ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti umpefumlo abanamandla okuwubulala: niti kodwa ngakumbi noyike lowo unamandla okububisa kwa nompefumlo nomzimba esihogweni somlilo. 29Akutengiswa amahobohobo mabini ngedobulitye na? noko akuyi kuwa nalinye kuwo pezu kwomhlaba engazi uyihlo. 30Kodwa nina, kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. 31Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi nina. 32Ngako osukuba endivuma mna ebusweni babantu, nam ndiya kumvuma yena ebusweni bobawo osezulwini: 33kodwa osukuba endikanyela mna ebusweni babantu, nam ndiya kumkanyela yena ebusweni bobawo osezulwini.
34Ningabi ndeza ukutuma uxolo emhlabeni; andeza ukutuma uxolo, koko ndize ukutuma isiṙele. 35Ngokuba ndize ukubambanisa umntu noyise, nentombi nonina, nomolokazana nonina wendoda: 36ewe, intshaba zomntu zoba ngabendlu yake. 37Otandayo uyise umhlaumbi unina ngapezu kwam, akandifanele; notandayo unyana umhlaumbi intombi ngapezu kwam, akandifanele. 38Kanjalo lowo ungatabati ikuruse yake, alandele emva kwam, akandifanele. 39Ofumene ubomi bake, buya kumlahleka; nolahlekene nobomi bake ngenxa yam, wobufumana.
40Owamkela nina, uyandamkela mna; nowamkela mna, uyamamkela owanditumayo. 41Owamkela umprofite egameni lomprofite, uya kuwamkela umvuzo womprofite; nowamkela ilunga egameni lelunga, uya kuwamkela umvuzo welunga: 42nosukuba eseza omnye waba bancinane indebe yamanzi abandayo odwa egameni lomdisipile, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena