“Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso. Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?”
“Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa. Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze. Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni. Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!”
“Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, nam ndothi ndimvume kuBawo osezulwini. Ke ondikhanyelayo ebantwini, nam ndiya kumkhanyela kuBawo osezulwini. ”
“Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano. Ndize kuxabanisa unyana noyise, intombi nonina, umolokazana no ninazala. Iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.
“Othe wathanda uyise nokuba ngunina ngaphezu kwam, akandifanelanga; nothe wathanda unyana nokuba yintombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga. Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga. Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.
“Othe wanamkela nina, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Othe wamkela *umshumayeli ngokuba engumshumayeli, wofumana umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, wofumana umvuzo welungisa. Othe wapha nokuba mnye kwaba bancinane nekomityi le yamanzi, ngokuba engumfundi wam, inene ngekhe aphosane nomvuzo wakhe nakanjani na.”