ULUKA 7:36-50
ULUKA 7:36-50 IBHAYIBHILE (XHO96)
*UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni. Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.” Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!” Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.” Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?” Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.” Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.” UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.” Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?” UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”
ULUKA 7:36-50 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wahlala phantsi. Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. Uphendule uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. Wathi ke yena, Mfundisi, yitsho. Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwuphi na kubo oya kumthanda kakhulu? Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Ugwebe walungisa. Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane; Wathi ke kuyo, Zixolelwe izono zakho. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo oxolela izono? Wathi ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.
ULUKA 7:36-50 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa. Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, àkwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo. Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.) Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo• ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu? Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlulé walungisa. Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Ùyambona na lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba úthandé kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane. Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono? Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.
ULUKA 7:36-50 IBHAYIBHILE (XHO96)
*UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni. Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.” Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!” Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.” Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?” Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.” Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.” UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.” Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?” UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”
ULUKA 7:36-50 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wahlala phantsi. Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. Uphendule uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. Wathi ke yena, Mfundisi, yitsho. Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwuphi na kubo oya kumthanda kakhulu? Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Ugwebe walungisa. Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane; Wathi ke kuyo, Zixolelwe izono zakho. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo oxolela izono? Wathi ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.
ULUKA 7:36-50 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku owabasebafarisini wamtandaza ukuba atye naye. Waza wangena endlwini yomfarisi lowo, wahlala ekutyeni. Waza wati, bona ke, umfazi wasesixekweni, obengumoni, akuqonda ukuba uhleli ekutyeni endlwini yomfarisi lowo, wazisa iqaka leyalabastere linamafuta mnandi, wema ngasezinyaweni zake ngasemva elila, waqala ukunyela inyawo zake ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake, wanga inyawo zake, wazitambisa ngamafuta mnandi lawo. Kekaloku umfarisi obemmemile, akubona oko, wateta pakati kwake, esiti: Lo, ukuba ebengumprofite, ngeeba esazi ukuba ungubanina nokuba ungonjanina lomfazi umcu̔kumisayo; ngokuba engumoni. Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Simone! ndifun’ ukuteta into kuwe: (Wayesiti: Mfundisi! yitete:) Bekuko abantu ababini ababenetyala kumboleki etile: omnye wabenetyala ledenari ezimakulu mahlanu, omnye wabenelezimashumi mahlanu. Kekaloku bengenanto yokuhlaula, wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwupina kubo oya kumtanda ngokukulu? Wapendula u‐Simone wati: Ndiba ngulowo wamxolelayo okukulu. Wati kuye: Ulungisile ukugweba kwako. Waza wajikela ngakumfazi, wati ku‐Simone: Uyambona na lomfazi? Ndangena endlwini yako; amanzi akwawanikela inyawo zam; kodwa lo wanyela inyawo zam ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake: akwandanga; kodwa lo, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukwanga inyawo zam: intloko yam akwayitambisa ngeoli; kanti lo uzitambisile inyawo zam ngamafuta mnandi. Ngenxa yoku nditi kuwe: Zixolelwe izono zake ezininzi, ngokuba watanda kakulu: kanti lowo uxolelwayo okuncinane, uyatanda kancinane. Wayesiti kuye: Zixolelwe izono zako. Baza abo babehleli ekutyeni ndawonye naye baqala ukuti pakati kwabo: Ngubanina lo, oxolelayo nezono? Wayesiti kumfazi: Ukolo lwako lukusindisile; hamba ngoxolo.