Kekaloku owabasebafarisini wamtandaza ukuba atye naye. Waza wangena endlwini yomfarisi lowo, wahlala ekutyeni.
Waza wati, bona ke, umfazi wasesixekweni, obengumoni, akuqonda ukuba uhleli ekutyeni endlwini yomfarisi lowo, wazisa iqaka leyalabastere linamafuta mnandi, wema ngasezinyaweni zake ngasemva elila, waqala ukunyela inyawo zake ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake, wanga inyawo zake, wazitambisa ngamafuta mnandi lawo. Kekaloku umfarisi obemmemile, akubona oko, wateta pakati kwake, esiti: Lo, ukuba ebengumprofite, ngeeba esazi ukuba ungubanina nokuba ungonjanina lomfazi umcu̔kumisayo; ngokuba engumoni.
Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Simone! ndifun’ ukuteta into kuwe: (Wayesiti: Mfundisi! yitete:) Bekuko abantu ababini ababenetyala kumboleki etile: omnye wabenetyala ledenari ezimakulu mahlanu, omnye wabenelezimashumi mahlanu. Kekaloku bengenanto yokuhlaula, wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwupina kubo oya kumtanda ngokukulu? Wapendula u‐Simone wati: Ndiba ngulowo wamxolelayo okukulu. Wati kuye: Ulungisile ukugweba kwako.
Waza wajikela ngakumfazi, wati ku‐Simone: Uyambona na lomfazi? Ndangena endlwini yako; amanzi akwawanikela inyawo zam; kodwa lo wanyela inyawo zam ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake: akwandanga; kodwa lo, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukwanga inyawo zam: intloko yam akwayitambisa ngeoli; kanti lo uzitambisile inyawo zam ngamafuta mnandi. Ngenxa yoku nditi kuwe: Zixolelwe izono zake ezininzi, ngokuba watanda kakulu: kanti lowo uxolelwayo okuncinane, uyatanda kancinane. Wayesiti kuye: Zixolelwe izono zako. Baza abo babehleli ekutyeni ndawonye naye baqala ukuti pakati kwabo: Ngubanina lo, oxolelayo nezono? Wayesiti kumfazi: Ukolo lwako lukusindisile; hamba ngoxolo.