Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 7:36-50

uLuka 7:36-50 CXB24

Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wahlala phantsi. Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. Uphendule uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. Wathi ke yena, Mfundisi, yitsho. Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwuphi na kubo oya kumthanda kakhulu? Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Ugwebe walungisa. Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane; Wathi ke kuyo, Zixolelwe izono zakho. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo oxolela izono? Wathi ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.