uLuka uLuka 7

uLuka 7
1Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum. 2Kwaye kukho umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. 3Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumphilisa umkhonzi wakhe. 4Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; 5Kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu. 6Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; 7Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize kuwe; thetha ngezwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. 8Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. 9Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, wajika, wathi kwindimbane ebimlandela, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. 10Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile. 11Kwathi ngengomsomnye waya emzini ekuthiwa yiNayin; Kwaye kuhamba naye into eninzi yabafundi bakhe, nendimbane enkulu. 12Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. 13Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. 14Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Ithe ke yona, Mfana, ndithi kuwe, Vuka! 15Wavuka wahlala umfi lowo, waza wathetha. Waza wamnikela kunina. 16Baza bankwantya bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; nokuthi, uThixo ubavelele abantu bakhe. 17Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke. 18Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. 19Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na? okanye sikhangele enye? 20Efikile kuye amadoda lawo, athi, uYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, wena? okanye sikhangele enye? 21Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo; wathi ke iimfama ezininzi wazibabala ukubona. 22Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. 23Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. 24Ke kaloku, bakubon’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? 25Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. 26Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti. 27Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. 28Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye. 29Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. 30Kodwa bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye. 31Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? kwaye zifana nantoni? 32Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza anangqungqa; senze isijwili kuni, analila nina. 33Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon. 34Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni! 35Kodwa ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke. 36Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wahlala phantsi. 37Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. 38Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. 39Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. 40Uphendule uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. Wathi ke yena, Mfundisi, yitsho. 41Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. 42Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwuphi na kubo oya kumthanda kakhulu? 43Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Ugwebe walungisa. 44Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. 45Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. 46Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. 47Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane; 48Wathi ke kuyo, Zixolelwe izono zakho. 49Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo oxolela izono? 50Wathi ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.

Currently Selected:

uLuka uLuka 7: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena

Ividiyo ye uLuka uLuka 7