uLuka uLuka 6

uLuka 6
1Kwathi ngesabatha yokuqala, wacanda emasimini; Baza abafundi bakhe bakha izikhwebu, badla, bezihlikihla ezandleni zabo. 2Abathile baFarasi babesithi kubo: “Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha? 3Wabaphendula uYesu wathi, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye? 4Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwa phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe, ingengabo ababingeleli bodwa? 5Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. 6Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. 7Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. 8Kodwa yena ezazi iingcamango zabo, wathi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama, umele phakathi. Uye waphakama wema. 9Wathi ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza zwi-nye; Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? 10Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo; saphila ke isandla sakhe, saba nesesinye. 11Basuka ke bona baphambana; baye bethetha bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu. 12Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ethandaza kuThixo. 13Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo abalishumi elinababini, awababiza ngokuba ngabapostile; 14uSimon, awamthiya igama elinguPetros, noAndreya umzalwana wakhe, noYakobi noYohane, noFilipu, noBhartolomeyu, 15uMateyu noTomas, uYakobi ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa nguZelote, 16uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi. 17Wehla nabo, wema ethafeni, nenkitha yabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bephuma kulo lonke elakwaYuda, neYerusalem, nangaselwandle lwaseTire neTsidon, ababeze kuva kuye ukuba baphiliswe kwizifo zabo; 18Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. 19Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke. 20Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. 21Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. 22Ninoyolo nina xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. 23Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti. 24Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifumene intuthuzelo yenu. 25Yeha, nina bahluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina bahlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. 26Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki. 27Ke mna ndithi kuni nindivayo, Zithandeni iintshaba zenu, yenzani okulungileyo abo banithiyayo; 28Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. 29Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. 30Yiphe wonke umntu ocelayo kuwe; nalowo uzithabathayo iimpahla zakho, uze ungaphindi uzicele kuye. 31Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo. 32Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? kuba naboni bayabathanda abo babathandayo. 33Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? ngokuba naboni benza kwaloo nto. 34Xa niboleka abo nithembe ukwamkela kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze okwakhona. 35Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo. 36Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. 37Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; xolelani, naniya kuxolelwa; 38Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu. Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. 39Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kweyela emhadini zombini na? 40Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke ogqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe. 41Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi umqadi okwelakho iliso? 42Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso, wandule ke ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. 43Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle. 44Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni; 45Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. 46Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? 47Lowo uzayo kum, aweve amazwi am, awenze, ndonibonisa lowo afana naye; 48Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; 49Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.

Currently Selected:

uLuka uLuka 6: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena

Ividiyo ye uLuka uLuka 6