1
uLuka uLuka 6:38
Contemporary Xhosa Bible 2024
Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu. Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
Thelekisa
Phonononga uLuka uLuka 6:38
2
uLuka uLuka 6:45
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
Phonononga uLuka uLuka 6:45
3
uLuka uLuka 6:35
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
Phonononga uLuka uLuka 6:35
4
uLuka uLuka 6:36
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
Phonononga uLuka uLuka 6:36
5
uLuka uLuka 6:37
Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; xolelani, naniya kuxolelwa
Phonononga uLuka uLuka 6:37
6
uLuka uLuka 6:27-28
Ke mna ndithi kuni nindivayo, Zithandeni iintshaba zenu, yenzani okulungileyo abo banithiyayo; Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
Phonononga uLuka uLuka 6:27-28
7
uLuka uLuka 6:31
Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
Phonononga uLuka uLuka 6:31
8
uLuka uLuka 6:29-30
Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. Yiphe wonke umntu ocelayo kuwe; nalowo uzithabathayo iimpahla zakho, uze ungaphindi uzicele kuye.
Phonononga uLuka uLuka 6:29-30
9
uLuka uLuka 6:43
Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.
Phonononga uLuka uLuka 6:43
10
uLuka uLuka 6:44
Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni
Phonononga uLuka uLuka 6:44
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo