*UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni. Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”
Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”
Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”
Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”
Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”
Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”
UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”
Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?”
UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”