ULUKA 6:17-49
ULUKA 6:17-49 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo; nabò babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu. Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki. Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa. Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, Ingákhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi? Ungáthini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle. Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungàkhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungàbuthwa diliya equnubeni. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye. Ufana nomntu owákha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo. Kodwa lo uwevileyo àkawenza, ufana nomntu owakhé indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
ULUKA 6:17-49 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon, beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo. Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke. UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi: “Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo, kuba nilawulwa nguThixo! Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku, kuba niya kuhlutha! Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku, kuba niya kuhleka! “Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo. Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo. “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku. Mawoo, nina bahluthayo ngoku! Nina niya kulamba. Mawoo, nina bahlekayo ngoku! Niya kukhedama nilile nina. “Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.” “Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi. Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize. Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo. “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo! Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto! Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.” “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo. Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.” UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe. “Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? Ungáthini na ukuba nako ukuthi kuwenu: ‘Wethu, khawume ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ ukanti wena akuwuboni umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, qala ukhuphe umqadi lowo ukwelakho iliso! Wobona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.” “Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle. Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni. Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.” “Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”

ULUKA 6:17-49 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wehla nabo, wema ethafeni, nenkitha yabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bephuma kulo lonke elakwaYuda, neYerusalem, nangaselwandle lwaseTire neTsidon, ababeze kuva kuye ukuba baphiliswe kwizifo zabo; Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifumene intuthuzelo yenu. Yeha, nina bahluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina bahlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki. Ke mna ndithi kuni nindivayo, Zithandeni iintshaba zenu, yenzani okulungileyo abo banithiyayo; Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. Yiphe wonke umntu ocelayo kuwe; nalowo uzithabathayo iimpahla zakho, uze ungaphindi uzicele kuye. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? kuba naboni bayabathanda abo babathandayo. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? ngokuba naboni benza kwaloo nto. Xa niboleka abo nithembe ukwamkela kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze okwakhona. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; xolelani, naniya kuxolelwa; Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu. Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kweyela emhadini zombini na? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke ogqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi umqadi okwelakho iliso? Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso, wandule ke ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle. Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni; Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? Lowo uzayo kum, aweve amazwi am, awenze, ndonibonisa lowo afana naye; Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.
ULUKA 6:17-49 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wehla nabo, wema endaweni ebutafa, kwa nomhlambi wabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu bevele kuyo yonke i‐Judeya nase‐Yerusaleme, nasezweni lase‐Tire ne‐Tsidone kufupi nolwandle, abebeze ukumva, nokupiliswa ezifeni zabo; nabo abebekatazwa ngomoya abanco̔lileyo; baye bepiliswa ke. Kanjalo sonke isihlwele sasifuna ukumcu̔kumisa; ngokuba kube kupuma amandla kuye, abapilisa bonke. Waza wapakamisa amehlo ake ngakubo abadisipile bake, wati: Ninetamsanqa nina nibuhlwempu; ngokuba bubobenu ubukumkani BUKATIXO. Ninetamsanqa nina nilambayo kaloku; ngokuba niya kuhlutiswa. Ninetamsanqa nina nililayo kaloku; ngokuba niya kuhleka. Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunitiya, nanxa baya kunahlula kubo, banituke, balahle negama lenu njengokuba likohlakele, ngenxa yake unyana wesintu. Vuyani kuleyo imini, nixu̔me ngomgcobo; ngokuba, bona ke, umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite. Kodwa hai ubunzima benu, nina nizityebi! ngokuba senikwamkele ukwonwatyiswa kwenu. Hai ubunzima benu, nina nihlutiyo! ngokuba niya kulamba. Hai ubunzima benu, nina nihlekayo kaloku! ngokuba niya kuba lusizi nilile. Hai ubunzima benu, xeshekweni bonke abantu bateta kakuhle ngani! ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite ababuxoki. Koko ndisiti kuni nivayo: Tandani intshaba zenu, benzeleni okulungileyo abo banitiyayo, tamsanqelisani abo baniqalekisayo, nitandazele abo banipata kakubi. Okubetayo kwesinye isidlele, mnikele nesinye; nosusayo ingubo yako, ungamaleli ukutabata nesivato sapantsi. Yipa bonke abacelayo kuwe; nohlutayo okukokwako, ungabuyi ukubize kuye. Kanjako njengokuba nitanda ukuba abantu benze kuni, nani yenzani kwa njalo kubo. Nokuba niyatanda abo banitandayo nina, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni betanda abo batanda bona. Naxeshekweni nikwenza okulungileyo kubo abo bakwenza okulungileyo kuni, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni bekwenza kwa kona. Naxeshekweni niboleka abo nitemba ukuba nobuya namkele kubo, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni beboleka aboni, ukuze babuye bamkele okulingeneyo. Kodwa tandani intshaba zenu, nenze okulungileyo, niboleke ningatembi ukuba nobuya namkele nto; waye umvuzo wenu uya kuba mkulu, nani niya kuba ngonyana bopezu kwonke: ngokuba yena enobubele kwabo bangabuleliyo nabakohlakeleyo. Yibani nenceba ngoko, njengokuba NOYIHLO enenceba. Ize ningabeki tyala, naningayi kubekelwa tyala nani: ningagwebi, naningayi kugwetywa nani: kululani, naniya kukululwa nina: yipani, kwakuya kupiwa nina; ukulinganiswa okulungileyo, okuhlohliweyo, nokuhlunguzelweyo, nokupalalayo, kwopiwa esifubeni senu: ngokuba okona kulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina. Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Imfama ingaka ikokele imfama na? aziyi kweyela emnxu̔nyeni zombini na? Umdisipile akapezulu kumfundisi wake; kodwa osukuba ezalisekile woba njengomfundisi wake. Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kanti umqadi okwelako iliso akuwunakani? Ungati nina nokuti kumzalwana wako: Mzalwana! vuma ndiliku̔pe icetyana elisesweni lako; wena ngokwako umqadi osesweni lako ungawuboni nje? Sihanahanisindini! wuku̔pe kuqala umqadi esweni lako, wauya kwandula ukolise ukubona ukuliku̔pa icetyana elisesweni lomzalwana wako. Ngokuba kungeko mti olungileyo uzihlanza iziqa̔mo ezibolileyo; kanjako akuko mti obolileyo uzihlanza iziqa̔mo ezilungileyo: ngokuba yonke imiti ngeminye isaziwa ngezayo iziqa̔mo; ngokuba kungakiwa makiwane emingeni, kanjalo kungavunwa dreyive emtolweni. Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyavelisa okulungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo yentliziyo yake uyavelisa okukohlakeleyo: ngokuba umlomo wake uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo. Kodwa yinina ukuba nindibiza ngokuti, Nkosi, Nkosi! kanti anizenzi izinto endizitetayo? Osukuba esiza kum, eweva namazwi am, ewenza nokuwenza, ndonibonisa lowo afana naye: Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.