Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 6:17-49

Ivangeli ka‐Luke 6:17-49 XHO1902A

Waza wehla nabo, wema endaweni ebutafa, kwa nomhlambi wabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu bevele kuyo yonke i‐Judeya nase‐Yerusaleme, nasezweni lase‐Tire ne‐Tsidone kufupi nolwandle, abebeze ukumva, nokupiliswa ezifeni zabo; nabo abebekatazwa ngomoya abanco̔lileyo; baye bepiliswa ke. Kanjalo sonke isihlwele sasifuna ukumcu̔kumisa; ngokuba kube kupuma amandla kuye, abapilisa bonke. Waza wapakamisa amehlo ake ngakubo abadisipile bake, wati: Ninetamsanqa nina nibuhlwempu; ngokuba bubobenu ubukumkani BUKATIXO. Ninetamsanqa nina nilambayo kaloku; ngokuba niya kuhlutiswa. Ninetamsanqa nina nililayo kaloku; ngokuba niya kuhleka. Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunitiya, nanxa baya kunahlula kubo, banituke, balahle negama lenu njengokuba likohlakele, ngenxa yake unyana wesintu. Vuyani kuleyo imini, nixu̔me ngomgcobo; ngokuba, bona ke, umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite. Kodwa hai ubunzima benu, nina nizityebi! ngokuba senikwamkele ukwonwatyiswa kwenu. Hai ubunzima benu, nina nihlutiyo! ngokuba niya kulamba. Hai ubunzima benu, nina nihlekayo kaloku! ngokuba niya kuba lusizi nilile. Hai ubunzima benu, xeshekweni bonke abantu bateta kakuhle ngani! ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite ababuxoki. Koko ndisiti kuni nivayo: Tandani intshaba zenu, benzeleni okulungileyo abo banitiyayo, tamsanqelisani abo baniqalekisayo, nitandazele abo banipata kakubi. Okubetayo kwesinye isidlele, mnikele nesinye; nosusayo ingubo yako, ungamaleli ukutabata nesivato sapantsi. Yipa bonke abacelayo kuwe; nohlutayo okukokwako, ungabuyi ukubize kuye. Kanjako njengokuba nitanda ukuba abantu benze kuni, nani yenzani kwa njalo kubo. Nokuba niyatanda abo banitandayo nina, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni betanda abo batanda bona. Naxeshekweni nikwenza okulungileyo kubo abo bakwenza okulungileyo kuni, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni bekwenza kwa kona. Naxeshekweni niboleka abo nitemba ukuba nobuya namkele kubo, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni beboleka aboni, ukuze babuye bamkele okulingeneyo. Kodwa tandani intshaba zenu, nenze okulungileyo, niboleke ningatembi ukuba nobuya namkele nto; waye umvuzo wenu uya kuba mkulu, nani niya kuba ngonyana bopezu kwonke: ngokuba yena enobubele kwabo bangabuleliyo nabakohlakeleyo. Yibani nenceba ngoko, njengokuba NOYIHLO enenceba. Ize ningabeki tyala, naningayi kubekelwa tyala nani: ningagwebi, naningayi kugwetywa nani: kululani, naniya kukululwa nina: yipani, kwakuya kupiwa nina; ukulinganiswa okulungileyo, okuhlohliweyo, nokuhlunguzelweyo, nokupalalayo, kwopiwa esifubeni senu: ngokuba okona kulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina. Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Imfama ingaka ikokele imfama na? aziyi kweyela emnxu̔nyeni zombini na? Umdisipile akapezulu kumfundisi wake; kodwa osukuba ezalisekile woba njengomfundisi wake. Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kanti umqadi okwelako iliso akuwunakani? Ungati nina nokuti kumzalwana wako: Mzalwana! vuma ndiliku̔pe icetyana elisesweni lako; wena ngokwako umqadi osesweni lako ungawuboni nje? Sihanahanisindini! wuku̔pe kuqala umqadi esweni lako, wauya kwandula ukolise ukubona ukuliku̔pa icetyana elisesweni lomzalwana wako. Ngokuba kungeko mti olungileyo uzihlanza iziqa̔mo ezibolileyo; kanjako akuko mti obolileyo uzihlanza iziqa̔mo ezilungileyo: ngokuba yonke imiti ngeminye isaziwa ngezayo iziqa̔mo; ngokuba kungakiwa makiwane emingeni, kanjalo kungavunwa dreyive emtolweni. Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyavelisa okulungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo yentliziyo yake uyavelisa okukohlakeleyo: ngokuba umlomo wake uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo. Kodwa yinina ukuba nindibiza ngokuti, Nkosi, Nkosi! kanti anizenzi izinto endizitetayo? Osukuba esiza kum, eweva namazwi am, ewenza nokuwenza, ndonibonisa lowo afana naye: Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.