Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 6:17-49

ULUKA 6:17-49 XHO96

UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon, beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo. Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke. UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi: “Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo, kuba nilawulwa nguThixo! Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku, kuba niya kuhlutha! Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku, kuba niya kuhleka! “Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo. Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo. “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku. Mawoo, nina bahluthayo ngoku! Nina niya kulamba. Mawoo, nina bahlekayo ngoku! Niya kukhedama nilile nina. “Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.” “Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi. Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize. Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo. “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo! Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto! Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.” “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo. Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.” UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe. “Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? Ungáthini na ukuba nako ukuthi kuwenu: ‘Wethu, khawume ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ ukanti wena akuwuboni umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, qala ukhuphe umqadi lowo ukwelakho iliso! Wobona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.” “Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle. Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni. Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.” “Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”