Wehla nabo, wema ethafeni, nenkitha yabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bephuma kulo lonke elakwaYuda, neYerusalem, nangaselwandle lwaseTire neTsidon, ababeze kuva kuye ukuba baphiliswe kwizifo zabo; Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke. Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti. Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifumene intuthuzelo yenu. Yeha, nina bahluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina bahlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki. Ke mna ndithi kuni nindivayo, Zithandeni iintshaba zenu, yenzani okulungileyo abo banithiyayo; Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. Yiphe wonke umntu ocelayo kuwe; nalowo uzithabathayo iimpahla zakho, uze ungaphindi uzicele kuye. Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? kuba naboni bayabathanda abo babathandayo. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? ngokuba naboni benza kwaloo nto. Xa niboleka abo nithembe ukwamkela kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze okwakhona. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; xolelani, naniya kuxolelwa; Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu. Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kweyela emhadini zombini na? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke ogqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi umqadi okwelakho iliso? Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso, wandule ke ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle. Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni; Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? Lowo uzayo kum, aweve amazwi am, awenze, ndonibonisa lowo afana naye; Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.