UYOHANE 8:21-36
UYOHANE 8:21-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina. Abesithi ngoko amaYuda, Angaba úya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina? Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi. Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu. Abesithi ngoko kuye, Ùngubani wena? Wathi kuwo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni. Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi. Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo. Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye. Akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi. Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula. Amphendula, athi, Thina siyimbewu ka-Abraham; asizanga sibe sebukhobokeni nakubani; ùtsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo? Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.

UYOHANE 8:21-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.” Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?” Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi. Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.” Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?” Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni. Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.” AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise, waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo. Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.” Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu. Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.” Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?” Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono. Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana. Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.
UYOHANE 8:21-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina. Ayesithi ngoko amaYuda, Angaba uya kuzibulala na? ngokuba esithi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina. Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi; mna ndingowaphezulu; nina ningabeli hlabathi; mna andingoweli hlabathi. Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu. Athi ngoko kuye, Ungubani na? Athi kubo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni. Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndaye mna ndithetha ehlabathini, izinto endazivayo kuye, ndizithethe. Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo. Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; kuba mna ndihlala ndizenza izinto ezikholekileyo kuye. Akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi. Uthe ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula. Aphendula athi kuye, Thina siyimbewu ka-Abraham, asizanga sibe ngamakhoboka amntu; utsho ngani na ukuthi, Niya kukhululwa? Wawaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.
UYOHANE 8:21-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yesu wabuya wati kubo: Mna ndiyemka, naniya kundifuna, kanti niya kufa esonweni senu: apo ndiya kona, aningeze nina. Abesiti ngoko ama‐Juda: Wozibulala yinina? ukuba esiti: Apo ndiya kona, aningeze nina. Waza wati kuwo: Nina nivela ngapantsi, mna ndivela pezulu; nina ningabakulo ilizwe eli, mna andingowakulo ilizwe eli. Ndatsho ngoko kuni ukuti, niya kufa ezonweni zenu; ngokuba xeshekweni ningakolwayo ukuba ndinguye, niya kufa ezonweni zenu. Andula ati kuye: Ungubanina wena? Waza wati kuwo u‐Yesu: Ndikoko sendisitsho kuni ukuba ndikuko kutabata ekuqaleni. Ndinezinto ezininzi zokuteta nokugweba ngani: koko owanditumayo uyinene, nam izinto endazivayo kuye, ezi ndiyaziteta kwilizwe. Akaqonda ukuba ebeteta kubo ngaye UYISE. Wandula wati kuwo u‐Yesu: Xeshekweni nimpakamisile unyana wesintu, oko niya kwazi ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam, koko nditi, njengokuba bendifundiswe NGUBAWO, ndizitete njalo ezizinto. Kanjalo lowo wanditumayo uko nam: UBAWO akandishiyanga ndedwa, kuba ndizenza ngamaxesha onke ezozinto zikolekileyo kuye. Nxa abeteta ezizinto abaninzi bakolwa kuye. Wabesiti ngoko u‐Yesu kuma‐Juda lawo abekoliwe nguye: Xeshekweni nihlala elizwini lam, ningabadisipile bam ngenyaniso; naniya kuyazi inyaniso, iti yona inyaniso inikululekise. Ati ukumpendula: Siyinzalo ka‐Abrahame, asizanga sibe sebukobokeni kumntu nakanye: uti nina wena ukuti: Niya kwenziwa nikululekile. Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Osukuba esenza isono, ulikoboka lesono. Olikoboka akahlali endlwini ngonapakade; nguye unyana ohlalayo ngonapakade. Xeshekweni ngoko UNYANA anikululekisayo, noba nikululekile ngokwenyaniso.