Wandula u‐Yesu wabuya wati kubo: Mna ndiyemka, naniya kundifuna, kanti niya kufa esonweni senu: apo ndiya kona, aningeze nina. Abesiti ngoko ama‐Juda: Wozibulala yinina? ukuba esiti: Apo ndiya kona, aningeze nina. Waza wati kuwo: Nina nivela ngapantsi, mna ndivela pezulu; nina ningabakulo ilizwe eli, mna andingowakulo ilizwe eli. Ndatsho ngoko kuni ukuti, niya kufa ezonweni zenu; ngokuba xeshekweni ningakolwayo ukuba ndinguye, niya kufa ezonweni zenu. Andula ati kuye: Ungubanina wena? Waza wati kuwo u‐Yesu: Ndikoko sendisitsho kuni ukuba ndikuko kutabata ekuqaleni. Ndinezinto ezininzi zokuteta nokugweba ngani: koko owanditumayo uyinene, nam izinto endazivayo kuye, ezi ndiyaziteta kwilizwe. Akaqonda ukuba ebeteta kubo ngaye UYISE. Wandula wati kuwo u‐Yesu: Xeshekweni nimpakamisile unyana wesintu, oko niya kwazi ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam, koko nditi, njengokuba bendifundiswe NGUBAWO, ndizitete njalo ezizinto. Kanjalo lowo wanditumayo uko nam: UBAWO akandishiyanga ndedwa, kuba ndizenza ngamaxesha onke ezozinto zikolekileyo kuye. Nxa abeteta ezizinto abaninzi bakolwa kuye. Wabesiti ngoko u‐Yesu kuma‐Juda lawo abekoliwe nguye: Xeshekweni nihlala elizwini lam, ningabadisipile bam ngenyaniso; naniya kuyazi inyaniso, iti yona inyaniso inikululekise. Ati ukumpendula: Siyinzalo ka‐Abrahame, asizanga sibe sebukobokeni kumntu nakanye: uti nina wena ukuti: Niya kwenziwa nikululekile. Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Osukuba esenza isono, ulikoboka lesono. Olikoboka akahlali endlwini ngonapakade; nguye unyana ohlalayo ngonapakade. Xeshekweni ngoko UNYANA anikululekisayo, noba nikululekile ngokwenyaniso.
Funda Ivangeli ka‐Johane 8
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Johane 8:21-36
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos