Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 8:21-36

UYOHANE 8:21-36 XHO96

Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.” Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?” Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi. Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.” Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?” Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni. Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.” AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise, waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo. Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.” Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu. Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.” Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?” Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono. Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana. Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.