Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina. Ayesithi ngoko amaYuda, Angaba uya kuzibulala na? ngokuba esithi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina. Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi; mna ndingowaphezulu; nina ningabeli hlabathi; mna andingoweli hlabathi. Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu. Athi ngoko kuye, Ungubani na? Athi kubo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni. Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndaye mna ndithetha ehlabathini, izinto endazivayo kuye, ndizithethe. Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo. Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; kuba mna ndihlala ndizenza izinto ezikholekileyo kuye. Akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi. Uthe ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula. Aphendula athi kuye, Thina siyimbewu ka-Abraham, asizanga sibe ngamakhoboka amntu; utsho ngani na ukuthi, Niya kukhululwa? Wawaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.