Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 20:1-18

UYOHANE 20:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni. Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona. Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni. Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. Uthi akuqondela, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangenanga ke noko. Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa; kuba babengekasazi isibhalo esithi, úmelwe kukuthi avuke kwabafileyo. Babuya ngoko abafundi bagoduka. Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zambethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo, Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha. Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi). Uthi uYesu kuye, Ungàndichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.

UYOHANE 20:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)

Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe. Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.” Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni. Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene. Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi. Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe. Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni. Baza ke bagoduka abafundi. UMariya wayemi ngasengcwabeni elila. Esalila njalo wathoba, wakhangela engcwabeni, wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu, esinye sihleli ngasentloko, esinye singasezinyaweni. Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?” Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.” Esatsho, waguquka, wabona uYesu emi; akaqonda noko ukuba nguYesu. Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?” Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.” Wathi kuye uYesu: “Mariya!” Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.” Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.” Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.

UYOHANE 20:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni. Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi apho bayibeke khona. Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni. Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. Uthe ke eqonde, wabona iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangena. Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa; Kuba babengekasiqondi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo. Babuya ke bagoduka abafundi. Ke yena uMariya wema ngaphandle ngasengcwabeni elila. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kubo, Ngokuba bayithathile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha. Athi uYesu kuye, Mariya. Wajika ke, wathi kuye, Rabhoni; oko kukuthi, Mfundisi. Athi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke hamba uye kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; nakuThixo wam, nakuThixo wenu. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.

UYOHANE 20:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki weza u‐Mariya wase‐Magadala kusasa, kwakuba kusebumnyama, encw̔abeni, wabona ukuba ilitye lisusiwe encw̔abeni. Wandula wagidima, waya weza ku‐Simone Petrosi, nakulomdisipile omnye obetandwa ngu‐Yesu, wati kubo: Bayisusile INKOSI encw̔abeni, asazi ke bayibekile pina. Wapuma ngoko u‐Petrosi, nalomdisipile omnye, baya ukuya encw̔abeni. Babegidima ke bobabini kunye: waza lomdisipile omnye wampangela u‐Petrosi, ebaleka ngamendu amakulu kwawake, wafika tanci encw̔abeni: wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele; kodwa akangena noko. Kwandula kweza u‐Simone Petrosi emlandela, wangena encw̔abeni, wabona iqiya zokubopa zilele, neqiya ebisentlokweni yake, ingalali neqiya zokubopa, koko isongelwe kwenye indawo iyodwa. Wandula ngoko wangena nalomdisipile omnye, lowo wafika tanci encw̔abeni, wabona naye, wakolwa. Ngokuba bebengekasazi isiba̔lo, sokuba ufanele ukuvuka ekufeni. Baza bemka abadisipile abo babuya bagoduka. Kodwa u‐Mariya ebemi ngasencw̔abeni ngapandle elila; nxa abelila ke, watobela pantsi encw̔abeni, wabona ingelosi zambini zinezivato ezimhlope zihleli, enye ngasentloko, enye ngasezinyaweni, apo umzimba ka‐Yesu ubulele kona. Zaza zati zona kuye: Mfazi! ulilela nina? Wati kuzo: Kuba beyisusile INKOSI yam, ndingazi ke bayibekile pina. Waza akuba etshilo wajikela mva, wambona u‐Yesu emi; kanti ebengazi ukuba nguye u‐Yesu. Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! ulilela nina? ufuna banina? Yena eba ungumlimi womyezo, wati kuye: Nkosi! ukuba uyisusile apa, ndixelele apo uyibekile pina, ndaudiya kuyitabata. Wati u‐Yesu kuye: Mariya! Wajika yena, wati kuye: Raboni! (oko kukuti: Mfundisi!) Wati u‐Yesu kuye: Ungandicu̔kumisi; ngokuba ndingekanyukelanga KUBAWO: kodwa yiya kubazalwana bam, uti kubo: Ndiyanyukela kuye UBAWO wam NOYIHLO wenu, kwa UTIXO wam NOTIXO wenu. Weza u‐Mariya wase‐Magadala washumayela kubadisipile okokuba uyibonile INKOSI, nokuba yateta ezizinto kuye.