Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 20:1-18

UYOHANE 20:1-18 XHO96

Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe. Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.” Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni. Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene. Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi. Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe. Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni. Baza ke bagoduka abafundi. UMariya wayemi ngasengcwabeni elila. Esalila njalo wathoba, wakhangela engcwabeni, wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu, esinye sihleli ngasentloko, esinye singasezinyaweni. Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?” Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.” Esatsho, waguquka, wabona uYesu emi; akaqonda noko ukuba nguYesu. Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?” Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.” Wathi kuye uYesu: “Mariya!” Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.” Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.” Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.