Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uYohane 20:1-18

uYohane 20:1-18 CXB24

Ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni. Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi apho bayibeke khona. Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni. Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. Uthe ke eqonde, wabona iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangena. Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa; Kuba babengekasiqondi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo. Babuya ke bagoduka abafundi. Ke yena uMariya wema ngaphandle ngasengcwabeni elila. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kubo, Ngokuba bayithathile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha. Athi uYesu kuye, Mariya. Wajika ke, wathi kuye, Rabhoni; oko kukuthi, Mfundisi. Athi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke hamba uye kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; nakuThixo wam, nakuThixo wenu. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.