KUMAHEBHERE 10:1-18
KUMAHEBHERE 10:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba umthetho, únesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bàwasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo. Okanye angé engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono? Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka. Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono. Kungoko, akùngena ehlabathini, athi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, Ke ùndilungisele umzimba; Amadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akukholiswanga ngawo. Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhalwe ngam), Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. (INdum. 40:6-8) Esithi nje ngentla, Imibingelelo, neminikelo yokudla, namadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akuwathandanga, akukholiswanga ngawo (wona lawo asondezwayo ngokomthetho), ubuye athi, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa okokuqala, ukuze amise okwesibini. Esìthe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye. Wonke ke ongumbingeleli uma okunene imihla ngemihla ebusa, ewasondeza futhi kwawona loo madini, angenako nakanye ukususa isono. Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; okokugqibela elindé ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe. Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswáyo. Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi, Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. (UYer. 31:3334) Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.

KUMAHEBHERE 10:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo. Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono. Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono. UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni: “Wena akuwafuni amadini neminikelo, yiyo loo nto undilungiselele umzimba. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono; ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini: ‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ” Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho. Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini. Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba. Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono. Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo. Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe. Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo. UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala: “ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi: ‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam, ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ” “Uphinda athi: “Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.” Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.
KUMAHEBHERE 10:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kaloku umthetho unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bawasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo. Okanye ange engayekwanga na ukusondezwa? ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe kwaba kanye, bengasenasazela sazono. Kambe ke, kuwo onke amadini, kubakho nokukhumbula izono unyaka nonyaka. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe alinakuzisusa izono. Kungoko, akungena ehlabathini, uthi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, ke undilungisele umzimba. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono. Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhaliwe ngam), ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Entla xa athi, Amadini, amadini, namadini anyukayo, nawesono, akunaliswanga; ezisondezwe ngumthetho; Uthe ke, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa esokuqala, ukuze amise esesibini. Ngoko kuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Krestu kwaba kanye. Naye wonke umbingeleli umi imihla ngemihla elungiselela, esondeza futhi amaxesha amaninzi kwaloo madini angenako ukuzisusa izono. Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; Kususela ngoku elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe. Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo. Usingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, ndize ndiyibhale ezingqondweni zabo; Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhoyo, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
KUMAHEBHERE 10:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba umteto unesitunzi nje sezinto ezilungileyo eziza kuza, ungenawo wona umfanekiso wendawo, awungeze uti ngawo wona amadini abamana bewanikela futi iminyaka ngeminyaka abo basondelayo ubafezekise. Okanye ngeenganqamkanga na ukunikelwa, ngenxa yokuba abakonzayo, behlanjululwe nje kanye, bengasenaso isazelo sezono? kuloko kukoyo ngawo ukukunjulwa kwezono iminyaka ngeminyaka: ngokuba kungenzeki ukuba igazi lenkabi nebokwe lisuse izono. Ngako oko akungena elizweni uti: Umbingo nomnikelo ubungawutandi, kodwa umzimba uwulungisele mna: amadini okutshiswa nawesono akuwakolelanga. Ndandul’ ukuti: Nanku ndisiza, (emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam,) ukuyenza intando yako, TIXO! Esiti pambili nje: Umbingelo nomnikelo namadini okutshiswa nawesono akuwatandanga, akuwakolelanga kanjako; anikelwayo wona njengokwomteto; utshilo oko ukuti: Nanku ndisiza ukuyenza intando yako, TIXO! — uyasusa okwokuqala, ukuze amise okwesibini. Esiti ngayo lontando senzwe ngcwele tina ngokunikelwa kwomzimba ka‐Yesu Kristu kwa kanye. Kanjalo osukuba engumperisite umi imihla ngemihla esenza isikonzo, enikela futi amadini akwa ngawo wona, angesuseyo izono nakanye; kodwa yena, elinikele nje idini linye ngenxa yezono libe ngunapakade, wahlala pantsi ngasekunene KWOTIXO, elinda ixesha eliseleyo zide intshaba zake zenzwe isitulo senyawo zake: ngokuba ngomnikelo umnye ubafezekisile kude kube ngunapakade abo benziwa ngcwele. Uti kanjako NOMOYA OYINGCWELE asinqi̔nele oku. Ngokuba, emvenikweni abetshilo pambili ukuti: Lulo olu ucebano endiya kulwenza nabo emveni kwalomihla, utsho UYEHOVA: Ndiya kubeka imiteto yam pezu kwentliziyo yabo, napezu kwengqondo zabo ndoyiba̔la; — uti: Nezono zabo nezigqito zabo andisayi kubuya ndizikumbule. Kekaloku apo kukona ukuxolelwa kwezi, akuseko umnikelo ngenxa yesono.