KumaHebhere KumaHebhere 10
KumaHebhere 10
1Kaloku umthetho unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bawasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo. 2Okanye ange engayekwanga na ukusondezwa? ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe kwaba kanye, bengasenasazela sazono. 3Kambe ke, kuwo onke amadini, kubakho nokukhumbula izono unyaka nonyaka. 4Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe alinakuzisusa izono. 5Kungoko, akungena ehlabathini, uthi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, ke undilungisele umzimba. 6Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono. 7Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhaliwe ngam), ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. 8Entla xa athi, Amadini, amadini, namadini anyukayo, nawesono, akunaliswanga; ezisondezwe ngumthetho; 9Uthe ke, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa esokuqala, ukuze amise esesibini. 10Ngoko kuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Krestu kwaba kanye. 11Naye wonke umbingeleli umi imihla ngemihla elungiselela, esondeza futhi amaxesha amaninzi kwaloo madini angenako ukuzisusa izono. 12Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; 13Kususela ngoku elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe. 14Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo. 15Usingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; 16Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, ndize ndiyibhale ezingqondweni zabo; 17Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. 18Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhoyo, akusekho mnikelo ngenxa yesono. 19Ngoko ke, bazalwana, ekubeni sinobuganga bokungena kweyona ngcwele, ngegazi likaYesu; 20Ngendlela entsha, ephilileyo, athe wayilungiselela thina, ephumela ekhusini, oko kukuthi, inyama yakhe; 21Sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo; 22masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo, nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. 23Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); 24Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; 25singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela. 26Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; 27Kusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. 28Lowo uwugatyayo umthetho kaMoses, wafa engenanceba, phantsi kwamangqina amabini, nokuba ngamathathu. 29Niba, woba ufanelwe yisohlwayo esiqatha kangakanani na, lowo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, wabalelela igazi lomnqophiso, angcwaliswe ngalo, ukuba liyinto engeyiyo, ewenza into engento uMoya, lobabalo? 30Kaloku siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, iNkosi iya kubagweba abantu bayo. 31Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo. 32Khumbulani ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weembandezelo; 33Nani ke nenziwa intlekisa nokungcikivwa nangeembandezelo; ngokuyinxenye, nani baba ngamadlelane abenzi bobubi. 34Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. 35Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. 36Kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. 37Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali. 38Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; kodwa ukuba uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. 39Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; kodwa ke kwabakholwayo, kukusindiswa komphefumlo.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 10: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.