KumaHebhere KumaHebhere 9
KumaHebhere 9
1Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi. 2Kuba kwakhiwa umnquba lowo, elokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; ebizwa ngokuba yingcwele. 3Ngemva kwekhuselo lesibini kwabakho nomnquba ekuthiwa yingcwele kangcwele; 4Yayinesitya segolide sokuqhumisela, nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso. 5Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; esingenakuthetha ngakumbi ngayo ngoku. 6Ke kaloku, zakubon’ ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bangena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imisebenzi kaThixo. 7Ke kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, kungengagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yeziphoso zabantu. 8uMoya oyiNgcwele eqondisa ke, ukuba indlela eya kweyona ngcwele ingekabonakali ke, umnquba wokuqala umi. 9Lowo ube ngumfuziselo wexesha elililo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo, ngokwesazela; 10ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo, neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso. 11Kodwa uKristu, ethe weza, engumbingeleli omkhulu wezinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongekuko oku kwakhiwa; 12wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengagazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wasizuzela inkululeko engunaphakade ngokusihlawulela. 13Kuba, xa igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa oyinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama; 14Lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo? 15Ngoko ke ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade. 16Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo. 17Kaloku umnqophiso uqiniseka bakuba befile, okanye awuba namandla xenikweni asadla ubomi umyoleli. 18Ngoko ke nowokuqala umnqophiso awusungulwanga ngaphandle kwegazi. 19Kuba kuthe, akuwuthetha uMoses umthetho wonke ngokomthetho ebantwini bonke, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wayifefa incwadi, kwanabantu bonke; 20esithi, Eli ligazi lomnqophiso aniwisele umthetho ngawo uThixo. 21Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngegazi. 22Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho kuxolelwa. 23Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo; zona zona ezo zinto zasemazulwini, zinamadini alungileyo kunalawo. 24Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu. 25Kwakungekho ukuze azinikele futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into; 26Ange ebemelwe kukuba ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini. 27Kwanjengokuba ke abantu bamiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo; 28ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi; uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 9: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.