Kaloku umthetho unesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bawasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo. Okanye ange engayekwanga na ukusondezwa? ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe kwaba kanye, bengasenasazela sazono. Kambe ke, kuwo onke amadini, kubakho nokukhumbula izono unyaka nonyaka. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe alinakuzisusa izono. Kungoko, akungena ehlabathini, uthi, Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla, ke undilungisele umzimba. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono. Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhaliwe ngam), ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Entla xa athi, Amadini, amadini, namadini anyukayo, nawesono, akunaliswanga; ezisondezwe ngumthetho; Uthe ke, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa esokuqala, ukuze amise esesibini. Ngoko kuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Krestu kwaba kanye. Naye wonke umbingeleli umi imihla ngemihla elungiselela, esondeza futhi amaxesha amaninzi kwaloo madini angenako ukuzisusa izono. Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; Kususela ngoku elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe. Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo. Usingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, ndize ndiyibhale ezingqondweni zabo; Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhoyo, akusekho mnikelo ngenxa yesono.