Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo. Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono. Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono. UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni: “Wena akuwafuni amadini neminikelo, yiyo loo nto undilungiselele umzimba. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono; ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini: ‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ” Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho. Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini. Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba. Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono. Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo. Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe. Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo. UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala: “ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi: ‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam, ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ” “Uphinda athi: “Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.” Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.
Funda KUMAHEBHERE 10
Share
Compare All Versions: KUMAHEBHERE 10:1-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos