Ngokuba umteto unesitunzi nje sezinto ezilungileyo eziza kuza, ungenawo wona umfanekiso wendawo, awungeze uti ngawo wona amadini abamana bewanikela futi iminyaka ngeminyaka abo basondelayo ubafezekise. Okanye ngeenganqamkanga na ukunikelwa, ngenxa yokuba abakonzayo, behlanjululwe nje kanye, bengasenaso isazelo sezono? kuloko kukoyo ngawo ukukunjulwa kwezono iminyaka ngeminyaka: ngokuba kungenzeki ukuba igazi lenkabi nebokwe lisuse izono. Ngako oko akungena elizweni uti: Umbingo nomnikelo ubungawutandi, kodwa umzimba uwulungisele mna: amadini okutshiswa nawesono akuwakolelanga. Ndandul’ ukuti: Nanku ndisiza, (emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam,) ukuyenza intando yako, TIXO! Esiti pambili nje: Umbingelo nomnikelo namadini okutshiswa nawesono akuwatandanga, akuwakolelanga kanjako; anikelwayo wona njengokwomteto; utshilo oko ukuti: Nanku ndisiza ukuyenza intando yako, TIXO! — uyasusa okwokuqala, ukuze amise okwesibini. Esiti ngayo lontando senzwe ngcwele tina ngokunikelwa kwomzimba ka‐Yesu Kristu kwa kanye. Kanjalo osukuba engumperisite umi imihla ngemihla esenza isikonzo, enikela futi amadini akwa ngawo wona, angesuseyo izono nakanye; kodwa yena, elinikele nje idini linye ngenxa yezono libe ngunapakade, wahlala pantsi ngasekunene KWOTIXO, elinda ixesha eliseleyo zide intshaba zake zenzwe isitulo senyawo zake: ngokuba ngomnikelo umnye ubafezekisile kude kube ngunapakade abo benziwa ngcwele. Uti kanjako NOMOYA OYINGCWELE asinqi̔nele oku. Ngokuba, emvenikweni abetshilo pambili ukuti: Lulo olu ucebano endiya kulwenza nabo emveni kwalomihla, utsho UYEHOVA: Ndiya kubeka imiteto yam pezu kwentliziyo yabo, napezu kwengqondo zabo ndoyiba̔la; — uti: Nezono zabo nezigqito zabo andisayi kubuya ndizikumbule. Kekaloku apo kukona ukuxolelwa kwezi, akuseko umnikelo ngenxa yesono.
Funda Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 10
Share
Compare All Versions: Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 10:1-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos