UESTERE 7:6-10
UESTERE 7:6-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi. Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye. Ukumkani wabuya emyezweni wendlu, wangena endlwini yesidlo sewayini, uHaman ewé phezu kwesingqengqelo abekuso uEstere. Wathi ukumkani, Angáde ukumkanikazi agonyamelwe enam, endlwini apha na? Liyathi ukuphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, baya bagqubuthela ubuso bukaHaman. Wathi uHarbhona, elinye lakumathenwa abemi phambi kokumkani, Nanguya umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, umi endlwini kaHaman; ubude bawo buziikubhite• ezimashumi mahlanu. Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo. Bamxhoma ke uHaman emthini lowo, abewulungisele uMordekayi. Wadamba ke umsindo wokumkani.

UESTERE 7:6-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
UEstere wathi: “Lo mtshutshisi ulutshaba sesi sikhohlakali singuHaman.” Ke uHaman warhwaqela apho phambi kokumkani nokumkanikazi. Ukumkani wathi thwasu enomsindo, waphuma kwelo theko lewayini, wee gwiqi waya kutshona kumyezo wasebhotwe. Kambe ke uHaman waqonda ukuba ukumkani selenesigqibo ngesiphelo sakhe, ngoko ke yena wasala ecengana nokumkanikazi uEstere ngenxa yobomi bakhe. Kanye xa abuyayo ukumkani apho kumyezo wasebhotwe, ebuyela apho esidlweni, yena uHaman kwakuxa aziphosa kwisofa abe ekuyo uEstere. Ukumkani wakhuza wathi: “Yini le! Ngoku ude aphazamisane nokumkanikazi kanye ngoku ahleli nam endlwini!” Lithe nje ukuba liphume elo lizwi emlonyeni kakumkani, basuka bamgquma ubuso uHaman. Waza ke uHabhona, elinye lamaphakathi ajongene nokumkani, wathi: “Kambe ukhona umthi wokuxhoma phaya ngasendlwini kaHaman; uziimitha ezimashumi mabini anambini ukuphakama. Wakhiwe nguye, esenzela uModekayi lo wathethayo wamhlangula ukumkani.” Ukumkani ke wathi: “Mxhomeni kuwo!” Ngoko ke uHaman waxhonywa kuloo mthi wayewulungiselele uModekayi; ke wona umsindo kakumkani watsho wathotha.
UESTERE 7:6-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uEstere, Utshaba notshaba ngulo Haman ungendawo; Ke uHaman wamoyika ukumkani nokumkanikazi. Wesuka ukumkani enomsindo emthendelekweni, waya emyezweni wendlu yokumkani; wesuka wema uHaman, ukuba acele umphefumlo wakhe kuEstere ukumkanikazi; ngokuba ebebona ukuba ukumkani ugwetyelwe ububi. Wabuya ukumkani emyezweni wendlu yobukumkani, waya endaweni yesidlo sewayini; yaye uHaman wawa phezu kwesingqengqelo awayekuso uEstere. Wathi ukumkani, Nokumkanikazi lo uya kumngenisa endlwini esecaleni kwam na? Laphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, babugqubuthela ubuso bukaHaman. Wathetha uHarabhona, omnye wababusi, phambi kokumkani, wathi, Khawukhangele umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, ubude bawo buziikubhite ezimashumi mahlanu; Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo. Bamxhoma ke uHaman emthini abewulungisele uMordekayi; Wadamba ke umsindo wokumkani.
UESTERE 7:6-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti u‐Esetere: Utshaba nempi ngu‐Hamani lo okohlakeleyo. Wandula woyika u‐Hamani ebusweni bokumkani nokumkanikazi. Wesuka ukumkani ngomsindo wake esidlweni seveyine, waya emyezweni woxande: wema no‐Hamani, ukuba abongozele ubomi bake ku‐Esetere ukumkanikazi; ngokuba ebebona ukuba ububi bugqityiwe ngakuye ngukumkani. Wati akubuya ukumkani emyezweni woxande ukuza endlwini yesidlo seveyine, kekaloku u‐Hamani ebewile pezu kwomandlalo u‐Esetere abepezu kwawo. Wandula wati ukumkani: Kanene uya kumdlwengula ukumkanikazi na enam endlwini? Lisapuma ilizwi emlonyeni wokumkani, bagubungela ubuso buka‐Hamani. Wayesiti u‐Harebona, omnye kubo ababusi, ebusweni bokumkani: Kanjako bona ke, lomti u‐Hamani wawenzela u‐Modekai, obetetele ukumkani okulungileyo, umi endlwini ka‐Hamani, uzikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo. Wati ke ukumkani: Mxo̔meni pezu kwawo. Baza bamxo̔ma u‐Hamani emtini abewulungisele u‐Modekai. Kwand’ ukudamba umsindo wokumkani.