Wayesiti u‐Esetere: Utshaba nempi ngu‐Hamani lo okohlakeleyo. Wandula woyika u‐Hamani ebusweni bokumkani nokumkanikazi. Wesuka ukumkani ngomsindo wake esidlweni seveyine, waya emyezweni woxande: wema no‐Hamani, ukuba abongozele ubomi bake ku‐Esetere ukumkanikazi; ngokuba ebebona ukuba ububi bugqityiwe ngakuye ngukumkani. Wati akubuya ukumkani emyezweni woxande ukuza endlwini yesidlo seveyine, kekaloku u‐Hamani ebewile pezu kwomandlalo u‐Esetere abepezu kwawo. Wandula wati ukumkani: Kanene uya kumdlwengula ukumkanikazi na enam endlwini? Lisapuma ilizwi emlonyeni wokumkani, bagubungela ubuso buka‐Hamani. Wayesiti u‐Harebona, omnye kubo ababusi, ebusweni bokumkani: Kanjako bona ke, lomti u‐Hamani wawenzela u‐Modekai, obetetele ukumkani okulungileyo, umi endlwini ka‐Hamani, uzikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo. Wati ke ukumkani: Mxo̔meni pezu kwawo. Baza bamxo̔ma u‐Hamani emtini abewulungisele u‐Modekai. Kwand’ ukudamba umsindo wokumkani.
Funda U‐Esetere 7
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: U‐Esetere 7:6-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo