U‐Esetere 7

7
1Wandula wangena ukumkani no‐Hamani ukusela no‐Esetere ukumkanikazi. 2Wayesiti ukumkani ku‐Esetere, nangomhla wesibini, esidlweni seveyine: Siyinto nina isicelo sako, kumkanikazi Esetere? sesiya kunikwa kuwe; siyinto nina nesikungo sako? siya kufezwa nakude kube sisiqingata sobukumkani.
3Wandula wapendula u‐Esetere ukumkanikazi, wati: Ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, kumkani! nokuba kunga kulungile kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngesicelo sam, nabantu bam ngesikungo sam: 4ngokuba sitengelwe, mna nabantu bam, ukutshatyalaliswa, ukubulawa, nokubujiswa. Ukuba kodwa sibe sitengelwe ukuba ngamakonza namakonzakazi, bendiya kuti cwaka, nangona utshaba lungenako ukwenzelelela ukwonakala kwokumkani.
5Waza wapendula ukumkani u‐Hasheveroshe, wati ku‐Esetere ukumkanikazi: Ngubanina lo, upina lo, ontliziyo imkalipisile ukwenje njalo? 6Wayesiti u‐Esetere: Utshaba nempi ngu‐Hamani lo okohlakeleyo. Wandula woyika u‐Hamani ebusweni bokumkani nokumkanikazi.
7Wesuka ukumkani ngomsindo wake esidlweni seveyine, waya emyezweni woxande: wema no‐Hamani, ukuba abongozele ubomi bake ku‐Esetere ukumkanikazi; ngokuba ebebona ukuba ububi bugqityiwe ngakuye ngukumkani.
8Wati akubuya ukumkani emyezweni woxande ukuza endlwini yesidlo seveyine, kekaloku u‐Hamani ebewile pezu kwomandlalo u‐Esetere abepezu kwawo. Wandula wati ukumkani: Kanene uya kumdlwengula ukumkanikazi na enam endlwini? Lisapuma ilizwi emlonyeni wokumkani, bagubungela ubuso buka‐Hamani. 9Wayesiti u‐Harebona, omnye kubo ababusi, ebusweni bokumkani: Kanjako bona ke, lomti u‐Hamani wawenzela u‐Modekai, obetetele ukumkani okulungileyo, umi endlwini ka‐Hamani, uzikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo. Wati ke ukumkani: Mxo̔meni pezu kwawo. 10Baza bamxo̔ma u‐Hamani emtini abewulungisele u‐Modekai. Kwand’ ukudamba umsindo wokumkani.

Currently Selected:

U‐Esetere 7: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena