U‐Esetere 6

6
1Ngobobusuku ukumkani wemkelwa bubutongo; waza waxela ukuba kuziswe incwadi yezikumbuzelo, eyemicimbi yemihla ngemihla, eyabileseshwa ebusweni bokumkani. 2Kwafunyanwa kuba̔liwe okokuba u‐Modekai ebeshumayele ngo‐Bigitana no‐Tereshe, ababusi ababini bokumkani, kubo abagcini bomnyango, abafuna ukwolula isandla ngakuye ukumkani u‐Hasheveroshe.
3Wayesiti ukumkani: Yiyipina imbeko nobukulu obenziweyo ku‐Modekai ngenxa yoku? Zaza izicaka zokumkani, ezakonza kuye, zati: Akwenziwanga nto kuye. 4Wayesiti ukumkani: Ngubanina osebaleni? (Kekaloku u‐Hamani ebefikile ebaleni langapandle lendlu yokumkani, ukuza kuteta naye ukuba amxo̔me u‐Modekai pezu kwomti abemlungisele wona.) 5Zaza izicaka zokumkani zati kuye: Nankuya u‐Hamani emi ebaleni. Wayesiti ukumkani: Makangene.
6Waza u‐Hamani wangena. Wayesiti ukumkani kuye: Kuya kwenziwa nto nina kulondoda ukumkani ayitandayo imbeko yayo? Wandula u‐Hamani wati entliziyweni yake: Ngubanina atanda ukumkani ukumenzela imbeko ngapandle kwam? 7Ngako u‐Hamani wati kukumkani: Indoda, ayitandayo ukumkani imbeko yayo, 8makuyiziselwe isivato sobukumkani avata ngaso ukumkani, nehashe akwela ukumkani pezu kwalo; nesitsaba sobukumkani masibekwe entloko yayo: 9kuze kunikwe esosivato nelohashe esandleni senye kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, kuvatiswe indoda leyo ukumkani ayitandayo imbeko yayo, kwenzwe ukuba ikwele pezu kwehashe ihambe esitarateni sesixeko, kudandulukwe pambi kwayo ngokuti: Kuya kwenjwa njalo kwindoda leyo ukumkani ayitandayo imbeko yayo.
10Waza ukumkani wati ku‐Hamani: Nxama, utabate isivato eso nehashe elo, njengokuba utshilo, uze wenje njalo ku‐Modekai um‐Juda, ohleliyo esangweni lokumkani: mayingatshitshi nanye into kuko konke ukutetileyo.
11Wandula u‐Hamani watabata esosivato nelohashe, wamvatisa u‐Modekai, wamkwelisa ahambe esitarateni sesixeko, wadanduluka pambi kwake ngokuti: Kuya kwenjwa njalo kwindoda leyo ukumkani ayitandayo imbeko yayo.
12Wabuya u‐Modekai waya esangweni lokumkani. Kodwa u‐Hamani wanxamela ukuya endlwini yake, elusizi, egqubutele intloko. 13Waza u‐Hamani wambalisela u‐Zereshe umfazi wake, nazo zonke izihlobo zake, konke obekumhlile. Ayesiti kuye amalumko ake, no‐Zereshe umfazi wake: Ukuba u‐Modekai ungowenzalo yama‐Juda, osel’ uqalile ukuwa pambi kwake, akusayi kumeyisa, koko uya kuwa ngenyaniso pambi kwake.
14NXA basateta naye, kwafika ababusi bokumkani, banxama ukumzisa u‐Hamani esidlweni abesilungisile u‐Esetere.

Currently Selected:

U‐Esetere 6: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena