UESTERE 7
7
UHaman uxhonywa ngokumangalelwa nguEstere
1Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi.
2Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ùcela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani. 3Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam. 4Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.
5Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? úphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo? 6Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi. 7Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye.
8Ukumkani wabuya emyezweni wendlu, wangena endlwini yesidlo sewayini, uHaman ewé phezu kwesingqengqelo abekuso uEstere. Wathi ukumkani, Angáde ukumkanikazi agonyamelwe enam, endlwini apha na? Liyathi ukuphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, baya bagqubuthela ubuso bukaHaman. 9Wathi uHarbhona, elinye lakumathenwa abemi phambi kokumkani, Nanguya umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, umi endlwini kaHaman; ubude bawo buziikubhite• ezimashumi mahlanu. Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo. 10Bamxhoma ke uHaman emthini lowo, abewulungisele uMordekayi. Wadamba ke umsindo wokumkani.
Currently Selected:
UESTERE 7: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.