KAPETROS I 2:24-25
KAPETROS I 2:24-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
KAPETROS I 2:24-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe. Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.
KAPETROS I 2:24-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; Kuba beninjengezimvu zilahlekile; kodwa ngoku nibuyele kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
KAPETROS I 2:24-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
owati izono zetu yena ngokwake wazitwala emzimbeni wake pezu kwomti, ukuze siti, sifile nje ngakuzo izono, sibe sisidla ubomi ngakubo ubulungisa: okungayo imivimbo yake napiliswa. Ngokuba nibe ninjengegusha ezilahlekayo; koko kaloku nibuyele kuye umalusi nomlindi wemipefumlo yenu.