Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 2

2
1Ngako ke senibeka nxamnye nje lwonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nobuhanahaniso, nomona, nako konke ukuhleba, 2njengentsana ezisand’ ukuzalwa, nqwenelani ubisi olungagxengelwayo lwaselizwini, ukuze nikule ngalo; 3ukuba ke nivile ukuba inkosi inobubele.
4Eniti, nisondela kuyo, njengakulo ilitye elipilileyo, lilahliwe okunene ngabantu, kodwa pambi kwotixo linyuliwe, linqabile, 5kwa nani, njengamatye apilileyo, nakiwe niyindlu ebumoya, nibubuperisite obuyingcwele, kuze kunikelwe amadini abumoya, ekolekile kakuhle kutixo ngaye u‐Yesu Kristu. 6Ngoko kanjako kuko indawo esiba̔lweni yokuti: Bona ke, ndiyabeka e‐Ziyone ilitye eliyintloko yegumbi, linyuliwe, linqabile: kanjalo okolwayo kulo akasayi kudaniswa. 7Kukokwenu ngoko oko kunqabileyo, nina nikolwayo; kodwa abangevayo kukokwabo oko kutiwa: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi, 8nelitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa; kwa kubo abaku̔bekayo bengaliva nje ilizwi; abebemiselwa kona kanjako. 9Kodwa nina nisisizukulwana esinyuliweyo, nibubuperisite obubukumkani, nisisizwe esingcwele, ningabantu abayimfuyo etengiweyo; ukuze nibalise izinto zamandla zalowo wanibizayo nipume ebumnyameni ningene ekukanyeni kwake okungummangaliso: 10nina enibe nifudula ningengabantu, kodwa kaloku ningabantu bakatixo; enibe ningafumananga ububele, kodwa kaloku nifumene ububele.
11BATANDWA! ndiyaniyala njengabapamkukeli nabaṙanukeli, ukuba nizile inkanuko zasenyameni, ezilwayo ngakuwo umpefumlo; 12ninako ukumila kwenu nje pakati kwabo abaheyideni kufanelekile; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, bati ngezenzo zenu ezifanelekileyo bakuzibonela badumise utixo emhleni wokunonelelwa kwabo.
13Lulamelani ngoko kuzo zonke izidalelwa zasebantwini, ngenxa yayo inkosi: nokuba kube kukumkani, njengakopezulu; 14nokuba kube sezinkosini, njengakubo abatunyiweyo nguye kube kukwohlwaywa kwabenzi bokukohlakeleyo, nokunconywa kwabenzi bokulungileyo. 15Ngokuba injalo intando katixo, ukuba niti ngokwenza okulungileyo nikuti cwaka ukungazi kwabantu abazizidenge: 16njengabakululekileyo, kanti ningenako ukukululeka kwenu njengesigubungelo sobumenemene, koko ninako njengamakonza katixo. 17Bekani abantu bonke. Tandani ubuzalwana. Yoyikani utixo. Bekani ukumkani.
18Nina zicaka! lulamelani kuzo inkosi zenu ngokuhlonela konke; kungabi kuzo ezilungileyo nezitambileyo zodwa, kube nakuzo ezigwenxa. 19Ngokuba oku kuyinto enokubukwa, ukuba umntu ngenxa yokwazela utixo uyazinyamezela intsizi, niziva nje ngokupatwa ngokungalungileyo. 20Ngokuba ludumo lunina, ukuba niya kuti, nxa nisona nandul’ ukubetwa, ninyamezele? Koko ukuba niya kuti, nxa nisenza okulungileyo nandul’ ukuva intlungu, ninyamezele, oku kuyinto enokubukwa pambi kwotixo. 21Ngokuba nibizelwe kwa oku: kuba no‐Kristu esivele tina intlungu, esishiyela umlinganiso, ukuze nilandele emikondweni yake: 22ongenzanga sono, nekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wake: 23obesiti akutukwa akapindezela ngokutuka; akuva intlungu akasongela; kodwa wazilahlela kulowo ugwebayo ngokulungileyo: 24owati izono zetu yena ngokwake wazitwala emzimbeni wake pezu kwomti, ukuze siti, sifile nje ngakuzo izono, sibe sisidla ubomi ngakubo ubulungisa: okungayo imivimbo yake napiliswa. 25Ngokuba nibe ninjengegusha ezilahlekayo; koko kaloku nibuyele kuye umalusi nomlindi wemipefumlo yenu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena