Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KwabaseRoma 15:21-33

KwabaseRoma 15:21-33 CXB24

kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; nabangevanga nto baya kuqonda. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndiseneminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni, xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo. Ngoku ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama. Ngoko ke, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangenxa yothando loMoya, ukuba nikhuthalele kunye nam ekundithandazeleni kuThixo; ukuze ndihlangulwe kwabangakholwayo kwelakwaYuda; ukuze ulungiselelo lwam olusingisele kwiYerusalem lwamkeleke kubo abangcwele; ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. uThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.