Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEROMA 15:21-33

KWABASEROMA 15:21-33 IBHAYIBHILE (XHO96)

kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona; nabo bengevanga nto, baya kuqonda.” Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela. Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela, ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini. Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo. Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo. Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi. Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele. Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu. Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela. Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem, khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane. Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

KWABASEROMA 15:21-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

koko, njengokuba kuba̔liwe: Abo kwakungatyelwanga nto ngaye kubo baya kubona; nabo bangevanga baya kuqonda. Ngako oku kanjalo ndibe nditintelwa futi kangaka ekuzeni kuni. Kodwa kaloku nje, ndingasenayo indawo kulamazwe, ndinesilangazelelo kanjako leminyaka mininzi sokuba ndize kuni, xeshekweni kusukuba ndihambela e‐Sipene, ndoza kuni: ngokuba nditemba ukunibona ekudluleni kwam, nokupelekelelwa nini ngakona, xeshekweni nditi kuqala ngenxenye ndikoliswe nini. Kodwa kaloku nje ndiyahambela e‐Yerusaleme, ndikonza abangcwele. Ngokuba kwanga kulungile kwabase‐Masedoniya nakwabase‐Akaiya, ukwenzela amahlwempu pakati kwabangcwele abase‐Yerusaleme umnikelo otile. Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama. Ndiya kuti ngoko, nxa ndikufezile oku, nanxa ndisiqinisele kuwo isiqa̔mo esi, ndibuye ngani ukuya e‐Sipene. Kanjalo ndiyazi ukuba ndoti, ndakuza kuni, ndize ekuzaleni kwetamsanqa levangeli ka‐Kristu. Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu, nangalo utando LWOMOYA, ukuba nizame kunye nam ekunditandazeleni KUTIXO; ukuze ndihlangulwe kubo abangevayo e‐Judeya; nokuze ukonzo lwam olwenzelwa i‐Yerusaleme lube lukole kile kwabangcwele; ukuze ndize ngovuyo kuni ngayo intando KATIXO, ndifumane ukupumla kunye nani. Wanga ke UTIXO woxolo angaba nani nonke. Amene.