Ngoko ke ndithi, uThixo ubagibile na abantu bakhe? Makube lee oko. Kuba nam ndingumSirayeli, wembewu ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin. uThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Aniyazi na into esiyithethayo isibhalo ngoEliya? ukuba awangxengxezeleyo kuThixo ngoSirayeli, esithi, Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke umphefumlo wam. Lithini na ke ilizwi likaThixo kuye? Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angaguqanga dolo kuBhahali. Ngokukwanjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo. Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo. Ukuba ke kungokwasemisebenzini, akuselubabalo; okanye umsebenzi awusengumsebenzi. Kuthiweni na ke ngoko? uSirayeli akakufumananga oko abekufuna; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uThixo ubanike umoya wobuthongo, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwanamhlanje. Uthi ke uDavide, Isithebe sabo masibe ngumgibe, nesirhintyelo, nesikhubekiso, nembuyekezo kubo; Makabe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe ngamaxesha onke. Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Ngesiphoso sabo usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise. Ukuba ke isiphoso sabo saba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kwaba bubutyebi beentlanga; Kobeka phi na ke inzaliseko yazo? Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam; ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo. Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na? Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe. Ukuba inxenye yamasebe yavuthululwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo, wabelana nawo ngeengcambu nasekutyebeni komnquma; Musani ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe. Ke; aqhuzulwa ngenxa yokungakholwa, ke wena umi ngokwaselukholweni; musa ukukratsha, yoyika; Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.