Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin. UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi: “Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.” Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.” Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe. Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.
Kúthiweni ke ngoko? Makuthiwe amaSirayeli akayifumananga into awayeyizondelele. Kodwa iqaqobana elichongwe nguThixo layifumana, aza ke wona amanye aqaqadekiswa, njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “UThixo ubenze badengeka, baza àbabona ngamehlo, àbeva ngeendlebe; ibe ke unangoku basenjalo.” UDavide naye uthi:
“Mababanjwe, bavingcelwe kumatheko abo;
mabakhubeke, beve impindezelo.
Mabamfanyekiswe, bangaboni,
babandezeleke maxa onke.”
Ngaba isiwo samaSirayeli sawazisela intshabalalo? Nakanye! Kwathi ngesi siwo sawo usindiso lwazifikela iintlanga, khon' ukuze ziwavusele ikhwele. Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!
Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam, ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo. Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!
Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele. Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma. Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!
Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.” Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika. Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?